1 Abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi, Sodla esethu isonka, sambathe ezethu iingubo; kodwa masibizwe ngegama lakho, úkususe ukungcikiveka kwethu.
2 Ngaloo mini isithole sikaYehova siya kuba yinto enobukhazikhazi enobuqaqawuli, isiqhamo selizwe sibe yingangamsha nesihombo kwabasindileyo bakwaSirayeli.
3 Wothi oshiyekileyo eZiyon, noseleyo eYerusalem, kuthiwe úngcwele, bonke ababhalelwe ebomini eYerusalem;
4 yakuba ithe iNkosi yakuhlamba ukungcola kweentombi zaseZiyon, yawahlanza amagazi aseYerusalem phakathi kwayo ngomoya ogwebayo, nangomoya olulophu.