10 Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto?
11 Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye.
12 Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe.
13 Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas,* isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini.
14 Ugawula imisedare,* uthabatha umholem* nomoki,* akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine,* imvula iwukhulise.
15 Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi, enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.
16 Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo!