14 Ugawula imisedare,* uthabatha umholem* nomoki,* akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine,* imvula iwukhulise.
15 Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi, enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.
16 Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo!
17 Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndíhlangule; ngokuba, ùnguthixo wam.
18 Àbazi, àbaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi;
19 banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini?
20 Esukelana nothuthu nje, intliziyo edetshiselweyo imtyekisile kangangokuba angawuhlanguli umphefumlo wakhe, athi, Akukho buxoki na esandleni sam sokunene?