17 USirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni.
18 Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi.
19 Andithethanga entsithelweni, endaweni emnyama yelizwe; anditshongo embewini kaYakobi ukuthi, Ndiquqeleni enyanyeni. Mna Yehova ndithetha ubulungisa, ndixela into ethe tye.
20 Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: àbanakwazi ábathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, ábathándazi bothixo ongásindisiyo.
21 Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim.
22 Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi.
23 Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi;