1 Phulaphulani kum, nina babusukelayo ubulungisa, bamquqelayo uYehova; bhekani eweni enaxholwa kulo, nasesigingqini somhadi enembiwa kuwo.
2 Bhekani kuAbraham uyihlo, nakuSara owanizalayo; kuba waye emnye ndakùmbiza, ndakùmsikelela, ndakùmandisa.
3 Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.
4 Ndibazeleni indlebe, bantu bam; ndibekeleni indlebe, sizwe sam; ngokuba isiyalelo siya kuphuma kum, ndilizinzise isiko lam, ukuba libe sisikhanyiso sezizwe.
5 Busondele ubulungisa bam, luphumile usindiso lwam; iingalo zam ziya kugweba izizwe, iziqithi zithembèle kum, zilindèle engalweni yam.
6 Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungàqotywa ubulungisa bam.
7 Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo.