14 Ogotyiweyo ngamakhamandela wobehle akhululwe, angafeli esihogweni, angasisweli isonka sakhe.
15 Kuba ndinguYehova uThixo wakho, uMlatyuzisi wolwandle, agqume amaza alo, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
16 Ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, ndakugubungela ngesithunzi sesandla sam, ukuba ndityale izulu, ukuba ndiseke ihlabathi, ukuba ndithi kwiZiyon, Ningabantu bam.
17 Zivuse, zivuse, suk' ume, Yerusalem, wena uyiseleyo esandleni sikaYehova indebe yobushushu bakhe; uyiselé wayifinca indebe enombilini ehexisayo.
18 Bekungekho namnye uyithundezayo iYerusalem, phakathi koonyana bonke eyabazalayo; bekungekho namnye uyibambe ngesandla, phakathi koonyana bonke eyabakhulisayo.
19 Zazimbini izinto ezakuhlelayo; ngubani na owakukhuzayo? Yimbuqo nokwaphuka, yindlala nekrele; bendingathini na ukukuthuthuzela?
20 Oonyana bakho bawa isiduli, balala emantloko ezitrato zonke, njengeula eli libanjisiweyo; bazele bubushushu bukaYehova, kukukhalima koThixo wakho.