1 Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi.
2 Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.
3 Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi.
4 Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ning'ong'oza nje?
5 Àningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na, nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha?