14 Uthile wóthi, Fumbani, fumbani, gecani indlela; susani isikhubekiso endleleni yabantu bam.
15 Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.
16 Ngokuba andiyi kubambana naye ngonaphakade, andiyi kuhlala ndinoburhalarhume; kuba umoya ubungatyhafayo phambi kwam, nemiphefumlo endiyenzileyo mna.
17 Ngenxa yobugwenxa bokubawa kwakhe ndaba noburhalarhume, ndambetha, ndazisithelisa, ndaba noburhalarhume; wahamba ephamba ngendlela yentliziyo yakhe.
18 Iindlela zakhe ndizibonile: ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzalo yena, nabakhe ke abenza isijwili.
19 Umdali weziqhamo zomlomo, uYehova, uthi, Uxolo, uxolo malubekho kwabakude nakwabakufuphi, ndibaphilise.
20 Ke bona abangendawo banjengolwandle oluvunjululweyo, ngokuba alunakuzola; amanzi alo avumbulula udaka nezibi.