7 Àsikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba zé, umambese, ungazifihli kwinyama yakho?
8 Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova.
9 Ùya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho! Ukuba uthe wakususa phakathi kwakho ukufaka idyokhwe, nokwalatha ngomnwe, nokuthetha ubudenge;
10 wamvukelisa olambileyo ngento oyidlayo, wawuhluthisa umphefumlo wocinezelweyo: kophumela ke ukukhanya kwakho emnyameni, nesithokothoko sakho sibe njengemini enkulu.
11 Úya kuhlala ekwalathisa uYehova, awuhluthise umphefumlo wakho ekubaleleni kwelanga, omeleze amathambo akho, ube njengomyezo onyakanyiswa yimvula, nanjengendawo ephuma amanzi, emanzi angatshiyo.
12 Baya kwakha amanxuwa angunaphakade abakowenu, uvuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana; bathi ukukubiza nguMvingci-wamathuba, nguMbuyisi-womendo-wokuhlala.
13 Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingení: