7 Iinyawo zabo zigidimela ebubini, zikhawuleze ukuya kuphalaza igazi elimsulwa; iingcinga zabo ziingcinga zobutshinga; emendweni wabo kukubhuqa nokwaphula.
8 Àbayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo àbalwazi uxolo.
9 Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembé ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembé ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni.
10 Siya phuthaphutha njengeemfama eludongeni; siyaphuthaphutha njengabangenamehlo; sikhubeka emini enkulu ngathi kungongcwalazi; phakathi kwabaxhamla ubomi, ngathi thina singabafileyo.
11 Siyavungama njengebhere* sonke siphela; sidumzela sidumzele njengamavukuthu; sithemba okusesikweni, kungabikho; sithemba usindiso, lube kude kuthi.
12 Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi:
13 ukukreqa kuYehova, nokumkhanyela, nokubuya umva kuThixo wethu, ukuthetha okucudisayo, okutyekisayo, ukukhawula nokuphimisela ngentliziyo amazwi obuxoki.