2 Kumi iiserafi* ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela.
3 Iyileyo indanduluke kuleyo isithi. Úyingcwele, ùyingcwele, ùyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe.
4 Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi.
5 Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am aboné ukumkani, uYehova wemikhosi.
6 Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni;
7 Yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.
8 Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyèla?