5 Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am aboné ukumkani, uYehova wemikhosi.
6 Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni;
7 Yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.
8 Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyèla?
9 Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.
10 Yityebise intliziyo yaba bantu, neendlebe zabo zénze zithi nkqi, namehlo abo uwavingce; hleze babone ngamehlo abo, beve ngeendlebe zabo, baqonde ngentliziyo yabo, babuye, baze baphiliswe.
11 Ndathi, Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi? Yathi, Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu, utshabalale umhlaba kube senkangala;