1 Ndangxokeka kwababengàndibuzi, ndafumaneka kwababengàndifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.
2 Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, ábahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo:
3 abantu aba bandiqumbisàyo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni,
4 behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa;
5 besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke.