18 Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali.
19 Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala.
20 Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe.
21 Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo.
22 Àbayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.
23 Àbayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazálele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.
24 Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile.