6 Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa,
7 nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiseláyo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo.
8 Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke.
9 Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam;
10 iSharon yoba likriwa lempahla emfutshane, nentili yeAkore ibe yindawo yokubutha iinkomo ebantwini bam abandiquqeleyo.
11 Ke nina nimshiyileyo uYehova, niyilibeleyo intaba yam engcwele, nimlungiselayo uThamsanqa isithebe, nimzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo, ndinimisele ikrele,
12 niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, ànasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo.