10 Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi,
11 Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu.
12 Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova.
13 Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam?
14 Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.*
15 Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo.
16 Kuba, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okubi, anyule okulungileyo, wóba selushiyiwe loo mhlaba, úkumkani bawo babini bakukruqúlayo.