4 Ngokuba, engekakwazi umntwana lo ukuthi, Bawo, nokuthi, Ma, ubutyebi baseDamasko namaxhoba akwaSamari aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.
5 Waqokela uYehova, wabuya wathetha kum, esithi,
6 Ngenxa enokuba abo bantu bewacekisa amanzi aseShilowa, la ahamba kuhle, benze imihlali noRetsin nonyana kaRemaliya:
7 ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo,* lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wónyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke,
8 utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli.
9 Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe.
10 Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi.