9 Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: ábathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo,
10 Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare.*
11 UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe.
12 Ama-Aram* ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.
13 Aba bantu ke àbabuyeli kulowo ubabethileyo; àbamngxamele uYehova wemikhosi.
14 Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzí, ngamininye.
15 Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo.