13 Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela, nangaphandle kwezipho zakomkhulu. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.
14 Minyaka le ukumkani uSolomon wayefumana igolide ebunzima bukwisithuba samashumi amabini anantathu amawaka eekhilogram,
15 ngaphandle kwengeniso eyayisiza nabarhwebi, nabamashishini, nerhafu yookumkani belama-Arabhu, kananjalo nabalawuli belizwe elo.
16 Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka amakhulu. Ikhaka ngalinye lalityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezisixhenxe.
17 Wenza namakhaka amancinci angamakhulu amathathu, ngalinye kuwo lityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezimbini. Ke ukumkani wawabeka kwibhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon.
18 Ukumkani wenza isihlalo sobukhosi. Sasisikhulu, sihonjiswe ngamabamba eendlovu, sityatyekwe ngegolide yodidi.
19 Esi sihlalo sasinamanqwanqwa okunyuka amathandathu, umva waso ungqukuva phezulu phaya. Macala eso sihlalo sasineendawo zokubeka iingalo, kananjalo kukho nemifanekiso emibini yeengonyama isiphahlile.