1 Ke kaloku nangaphandle kwentombi yokumkani waseJiputa uSolomon wayenabafazi abaninzi beentlanga: abangamaMowabhi, ama-Amon, amaEdom, amaSidon, namaHiti.
2 Wabathatha kwezo ntlanga wayewayale ngazo *uNdikhoyo amaSirayeli esithi: “Ze ningendiselani nazo, kuba ziya kunilukuhlela kwizithixo zazo,” kodwa ke yena uSolomon wasuka waqhogana nabo ngothando.
3 Wayenamakhulu asixhenxe abafazi begazi, enamakhulu amathathu amaqadi. Abo bafazi ke bayilahlekisa intliziyo yakhe.
4 Wathi ekugugeni kwakhe abafazi bakhe bayitsalela *koothixo babo intliziyo yakhe, akabi nako ukuzinikezela ngokupheleleyo kuNdikhoyo, uThixo wakhe, njengoko wenzayo yena uyise uDavide.
5 Wazinikezela kuAshtoreti, isithixokazi samaSidon, nakuMilikom, isikizi lothixo wama-Amon.
6 Ngaloo ndlela ke uSolomon wanxaxha ekulandeleni uNdikhoyo, akabi nako ukumnqula ngokufezekileyo uNdikhoyo njengoyise uDavide.
7 Kwinduli ekwimpuma yeJerusalem uSolomon wenza isibingelelo sikaKemoshe, isikizi lothixo wamaMowabhi, kunye noMoleki isikizi lothixo wama-Amon.