23 Kwakhona uThixo wavusela uSolomon olunye utshaba, uRezon unyana kaEliyada, owayebaleke kwinkosi yakhe uHadadizere ukumkani waseZobha.
24 Waqokelela amahlakani, waza yena wayinkokheli yegqiza labavukeli ngokuya uDavide wayetshabalalise imikhosi yaseZobha. Abo bavukeli ke baya eDamasko, baza bahlala khona balawula.
25 URezon lo ke waba lutshaba lukaSirayeli ngalo lonke ixesha lokudla kukaSolomon ubomi, yena ke esongezelela kwinkathazo eyayidalwa nguHadadi. URezon ke walawula eAram echasene noSirayeli.
26 Kanti ke noJerobhowam unyana kaNebhati wavukelana nokumkani uSolomon. Wayengomnye wamaphakathi kaSolomon, engumEfrayim waseZereda, unina engumhlolokazi ogama linguZeruya.
27 Nantsi indlela awavukela ngayo ukumkani: uSolomon wayegangatha umhlaba okwimpuma yeJerusalem, elungisa neendonga zesixeko sikayise uDavide.
28 Ke kaloku lo mfo unguJerobhowam wayelichule. Akubona ubuhle bomsebenzi walo mfana ke uSolomon, wammisa ukuba abe ngumveleli kubo bonke abasebenzi bendlu kaJosefu.
29 Ngelo thuba ke uJerobhowam waphuma eJerusalem, waza ke wadibana *nomshumayeli waseShilo uAhiya, yena enxibe isambatho esitsha. Baba bodwa ke apho emaphandleni bobabini,