1 Kwathi uJerobhowam xa emi ngaseqongeni lamadini, eza kwenza iziqhumiso, nako kuvela umfo wakwaThixo owayeyalelwe *nguNdikhoyo ukuba aphume kwaJuda, aye eBhetele.
2 Wadanduluka ngelizwi likaNdikhoyo, ekhalima ngenxa yelo qonga, wathi: “Qongandini! Qongandini! Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, kwindlu kaDavide kuza kuzalwa unyana ogama linguYosiya. Apha kanye phezu kwakho yena uya kwenza amadini ngaba babingeleli basezindulini, aba benza iziqhumiso apha ngoku. Ewe, phezu kwakho apha kuya kutshiswa amathambo abantu.’ ”
3 Kwangaloo mini umfo wakwaThixo wenza umqondiso, wathi: “Nanku umqondiso awukhuphileyo uNdikhoyo: Niyabona, eli qonga liya kuqhekeka, luze uthuthu oluphezu kwalo luphalale.”
4 Akuluva udaba lwalo mfo wakwaThixo mayela nelo qonga laseBhetele, ukumkani uJerobhowam wolula isandla sakhe elapho eqongeni, wathi: “Mbambeni!” Kambe ke eso sandla sakhe awayesolulela kuloo ndoda sasuka sashwabana soma, akaba nako ukusibuyisela kuye kwakhona.
5 Neqonga elo lasuka laqhekeka, lwaza uthuthu oluphezu kwalo lwaphalala, kanye ngokomqondiso womfo wakwaThixo, lowo wayewunikwe nguNdikhoyo.
6 Ke ukumkani wathetha nomfo lowo wakwaThixo wathi: “Khawuncede umkhunge uNdikhoyo uThixo wakho, undithandazele ukuze isandla sam sibuye siphile.” Umfo lowo wakhunga wathandaza uNdikhoyo, saza ke eso sandla sikakumkani sabuya saphila sanjengangaphambili.
7 Ukumkani wathetha naloo mfo wakwaThixo wathi: “Hamba nam, siye ekhaya, ndikuphe into etyiwayo, ndikunike nesipho.”