9 Ngonyaka wamashumi amabini uJerobhowam elawula kwaSirayeli, ukumkani uAsa waqalisa ukulawula kwaJuda,
10 waza walawula iminyaka emashumi mane nanye. Unina-khulu yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.
11 Ke kaloku uAsa yena waxelisa uyise-mkhulu uDavide, wathobela *uNdikhoyo,
12 wazidenda izibingelelo zamahenyu angamadoda kumhlaba wakhe, wayisusa nemifanekiso ezizithixo eyayenziwe ngooyise.
13 Wamkhiqa unina-khulu uMahaka kwisikhundla sokuba ngukumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika, waza wayitshisa kwintili yeKedron.
14 Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.
15 Wayizisa endlwini kaNdikhoyo isiliva negolide nenye impahla yonqulo, leyo yena noyise babeyenze umnikelo.