15 Umhlolokazi lowo ke wemka waza wenza ngokomyalelo kaEliya. Kwahlala kukhona ke ukutya okwanele uEliya nomhlolokazi lowo nosapho lwakhe.
16 Kaloku loo ngqayi yomgubo zange iphele, kananjalo naloo ndebe yamafutha ayiphelanga, ngokomlomo kaNdikhoyo kuEliya.
17 Ekuhambeni kwethuba ke unyana waloo mhlolokazi wayengumnikazi ndlu, wahlabeka wagula. Wakhula umkhuhlane ayabi kuko, waza ke ekugqibeleni wayeka ukuphefumla.
18 Wabhekisa kuEliya umhlolokazi, wathi: “Undenza ntoni kodwa, mntundini kaThixo? Ngaba apha uze kundikhumbuza ngezono zam, ubulala unyana wam nje?”
19 UEliya waphendula wathi: “Mzise apha kum unyana wakho lowo!” Wamthatha ke apho kuloo mhlolokazi, waza waya naye kwigumbi eliphezulu, apho wayehlala khona, wafika wamlalisa kumandlalo wakhe.
20 Waza ke wadanduluka wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Thixo wam, ngani ukuba umzisele isithwakumbe esinje lo mhlolokazi ndihlala kuye? Kutheni ukuba umbulale unyana wakhe?”
21 Waza ke wazolula apho phezu kwaloo mntwana kwakathathu, wakhala kuNdikhoyo wathi: “Hayi bo, Ndikhoyo, Thixo wam, wubuyisele kuye umphefumlo walo mntwana!”