7 Uthe ke esahamba uObhadiya, wadibana noEliya. UObhadiya wamnakana, waza wakhahlela, waguqa phantsi, wathi: “Ngaba ngenene nguwe na lowo, nkosi yam Eliya?”
8 UEliya waphendula wathi: “Ewe, ndim kanye! Hamba uye kuxelela inkosi yakho uthi: ‘Nanku uEliya!’ ”
9 “Ngaba ndenze bugwenxa buni kodwa,” ubuzile uObhadiya, “le nto isicaka sakho usinikela esandleni sika-Ahabhi ukuze sibulawe?
10 Ekho nje uNdikhoyo uThixo wakho, akukho lizwe nabukumkani ingathumelanga mntu kulo inkosi yam izingelana nawe lo. Isizwe okanye ubukumkani obuthe bakulandula, ubeqononondisa abafungise ukuba ngenene awufumaneki ndawo khona.
11 Ngoku ke wena uthi mandiye enkosini yam, ndifike ndithi kuyo: ‘Nanku Eliya.’
12 Kaloku andinakwazi apho wokusa khona uMoya kaNdikhoyo, sakuba sahlukene. Ukuba ndinokuya kuye ndimxelele, aze yena uAhabhi angakufumani apha, angandibulala, ndibe ke mna, sicaka sakho, uNdikhoyo lo ndamnqula kwasebuntwaneni.
13 Ngaba akuyivanga na, nkosi yam, into endiyenzileyo ngokuya uJezebhele ebebulala abashumayeli bakaNdikhoyo? Kaloku ndathatha ikhulu labashumayeli bakaNdikhoyo, ndalifihla emiqolombeni, ndafaka amashumi amahlanu kuwo ngamnye, ndaza ndamana ndibapha ukutya namanzi.