15 UNdikhoyo ke wathi kuye: “Hamba ubuyele apho ubuvela khona, uye kwintlango yaseDamasko. Wakufika khona ke uze uthambise uHazayeli abe ngukumkani wama-Aram.
16 Kwakhona uze uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani wamaSirayeli; kananjalo uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhele-mehola, ukuze abe *ngumshumayeli emva kwakho.
17 UYehu uya kubabulala bonke abasinde kwikrele likaHazayeli, aze yena uElisha ababulale abo basinde kwikrele likaYehu.
18 Kambe ke kwaSirayeli apha ndozigcinela loo mawaka asixhenxe abantu abamadolo angazange aguqe kuBhali, nabamilomo ingazange iwange umfanekiso wakhe.”
19 Ngoko ke uEliya waphuma apho, waza wadibana naye uElisha unyana kaShafati. Wayelima ngezipani ezilishumi elinambini, isipani ngasinye sineenkabi ezimbini, inguye ngokwakhe oqhuba esi seshumi elinambini. UEliya waya kuye ngqo, wafika wamambathisa ngomnweba wakhe.
20 Ke uElisha wazishiya iinkabi ezo, waza wabaleka emva koEliya. Wathi kuye: “Makhe ndiye kwanga utata nomama kuqala, ukuze ke ndihambe nawe.”UEliya waphendula wathi: “Hamba kaloku; andikuthinteli nganto.”
21 Ngoko ke uElisha wamshiya wagoduka. Wathatha iinkabi ezimbini, wazixhela, wayipheka inyama yazo, ebase ngedyokhwe yazo, inyama leyo wayinika abantu, bayitya. Ke yena wemka walandela uEliya, waba lihlakani lakhe.