1 Yookumkani 20:8-14 XHO96

8 Aphendula ke amadoda amakhulu nabantu xa bebonke bathi: “Hayi suka, sukuyiphulaphula le nkewu le; nezo zinto izifunayo sukuvuma nazo!”

9 Ke kaloku wathi kubathunywa bakaBhenadadi: “Yixeleleni inkosi yam ukumkani nithi mna sicaka sakhe zonke izinto ebethe uyazifuna kwisihlandlo sokuqala ndizimisele ukumnika, kodwa ke yona le ayithethayo ngoku andinakuyenza.” Bemka ke abathunywa abo, basa olu daba kuBhenadadi.

10 Uphindile ke uBhenadadi wathumela olunye udaba kwalapho kuAhabhi, esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ngaba eSamariya apho kuthe kwashiyeka uthuli olwaneleyo ukuze ijoni lam ngalinye libe nokulufumbatha ngesandla.”

11 Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Mxeleleni nithi: ‘Umntu osabhinqa ikrele akafanele kuziqhayisa njengalowo uselelikhulula.’ ”

12 Olu daba lwamfikela uBhenadadi xa kanye yena nezo zikumkani babesela ezintenteni zabo. Ngoko nangoko wayalela umkhosi wakhe, wathi: “Kuf' ayayo, mawethu!” Baxhoba ke ukuze basihlasele isixeko eso.

13 Ke kaloku ukumkani uAhabhi wakwaSirayeli wafikelwa *ngumshumayeli, wathi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyayibona le nyambalala yomkhosi? Ewe, kanye namhlanje ndiza kuwunikela esandleni sakho, ukuze uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo.’ ”

14 Ke yena uAhabhi wathi: “Ngubani kodwa oya kuyenza loo nto?”Umshumayeli ke lowo wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Abafana bamabutho aphantsi kweenjengele zamaphondo ngabo abaza kuyenza le nto.’ ”UAhabhi wathi: “Ngubani oya kuqala ahlasele?”Umshumayeli lowo waphendula esithi: “Nguwe!”