15 Ngaphakathi iindonga zale ndlu wazambathisa ngamaplanga omsedare ukusuka phantsi emgangathweni kuye kuthi xhaxhe ngesilingi, waza phantsi phaya wandlala amaplanga ompayini.
16 Entla phaya apha endlwini wenza igumbi eliphakathi ekuthiwa yingcwele kangcwele. Laliziimitha ezilithoba ubude, lakhiwe ngamaplanga omsedare asuka emgangathweni athi xhaxhe ngesilingi phezulu.
17 Igumbi eliphambi kweli ke laliziimitha ezilishumi elinesibhozo ubude.
18 Uwonke umphakathi wendlu le yayingumsedare ukroliwe wahonjiswa ngethangazana neentyatyambo. Yayingumsedare nje ngaphakathi, ungekhe ulibone ilitye lodonga.
19 Ke kaloku igumbi eliyingcwele eliya lingaphakathi kule ndlu walilungiselela ukuze kulo kuhlale ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.
20 Eli gumbi liphakathi ke lona laliziimitha ezilithoba ubude, ububanzi, nokuphakama. Umphakathi walo ke wawutyatyekwe ngegolide ecwengileyo; ukanti lona iqonga lalambathiswe ngomsedare.
21 Umphakathi wale ndlu uSolomon wawutyabeka ngegolide ecwengileyo, waza watsala amatyathanga egolide anqumleza phambi kwelaa gumbi liphakathi, nalo ke elalityatyekwe ngegolide.