3 Igumbi lesango laliziimitha ezine ezinesiqingatha ubude, ububanzi iziimitha ezilithoba, ububanzi bulingana nobendlu ngokwayo.
4 Le ndlu ke wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa asondeleneyo.
5 Ngaphandle phaya wakha umgangatho owayame eludongeni, ujikeleza igumbi eliphambili neliphakathi, waza wakha neminye imigangatho phezu kwawo.
6 Kumgangatho ophantsi igumbi laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi; elomgangatho ophakathi laliziimitha ezintathu ububanzi; ke lona elokugqibela liziimitha ezintathu ezinesiqingatha ububanzi. Kumgangatho ngamnye udonga lwale ndlu lwalunciphile kunalo mgangatho ungaphantsi. Ngaloo ndlela ke amagumbi la ayexhathise ngodonga, imiqadi yawo inganxibelelananga neendonga ezi.
7 Xa yakhiwayo ke le ndlu amatye ayo ayeqingqelwa kulaa ndawo athathwa kuyo. Ngaloo ndlela ke kwakungasetyenziswa sando nasixozi okanye nasiphi na esinye isixhobo esingxolayo sentsimbi apho kweso siza kwakusakhiwa kuso.
8 Isango lomgangatho wangaphantsi lalikwicala langasezantsi kule ndlu; kanti ke ukuphuma apho yayingumchankcatho okhokelela kumgangatho wesibini, uphuma khona uye kowesithathu.
9 Ke uSolomon wayakha indlu leyo wayigqiba, waza wayixhoma ngemiqadi namaplanga omsedare.