1 Ke kaloku emva kokusweleka kukakumkani uAhabhi, amaMowabhi amvukela uSirayeli.
2 Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa, esithi kubo: “Hambani niye kubuzisa kuBhali-zabhubhe, uthixo wase-Ekron, ukuba ngaba ndophila na kule ngozi indihleleyo.”
3 Kambe ke isithunywa *sikaNdikhoyo sathetha noEliya waseTishbhi, sathi: “Hamba uhlangabeze abaya bathunywa bokumkani waseSamariya, uthi kubo: ‘Ngaba kungenxa yokuba engekho na uThixo kwaSirayeli le nto niya kubuzisa kuBhali-zabhube isithixo sase-Ekron?’
4 Naku ke akuthethayo uNdikhoyo: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa!’ ” Waza ke waya uEliya.
5 Bakubuya ke abathunywa abo, wabuza wathi ukumkani: “Ngani ukuba nijike?”
6 Baphendula ke bona bathi: “Sidibene nomfo othile, wathi masibuyele kuwe, kumkani, sikuxelele sithi: ‘UNdikhoyo uthi: Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo kwaSirayeli, le nto uhamba uye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron?’ Ewe, uthi: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”
7 Ukumkani wathi: “Yayingumfo oluhlobo luni na lowo nidibene naye waza wathetha loo mazwi kuni?”