2 Yookumkani 21 XHO96

UManase ukumkani wakwaJuda

1 UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu. Unina yayinguHefezibha.

2 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhwa emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.

3 Iindawo zonqulo eziphakamileyo awazitshitshisayo uyise uHezekiya, yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela noBhali amaqonga, wenza nentsika ka-Ashera, kanye ngendlela awayenze ngayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi ezinqula.

4 Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayeyalele wathi: “Igama lam ndolimisa eJerusalem.”

5 Kuzo zombini iinkundla endlwini kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga.

6 Unyana wakhe wamfaka emlilweni, esenza idini ngaye. Wayethe phithi yimilingo nokuvumisa, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo, emqumbisa.

7 Wathatha intsika ka-Ashera awayeyikrolile, wayifaka endlwini kaThixo, ukanti ke uNdikhoyo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.

8 Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, awuthobela wonke umthetho awawunikwa sisicaka sam uMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”

9 Kodwa akaphulaphulanga, kuba uManase wawalahlekisa ngangokuba wada wabalasela ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.

10 UNdikhoyo wathetha ngomlomo wezicaka zakhe *abashumayeli, wathi:

11 “UManase ukumkani wakwaJuda wenze izono ezilumezayo. Yena ubalasele ekwenzeni okubi kunawo nama-Amori awayelapho ngaphambi kwakhe. Ngale mifanekiso yakhe uJuda umlukuhlele esonweni.

12 Ngoko ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: ‘Niyabona, iJerusalem ndawonye noJuda ndiza kuyithobela isithwakumbe esiya kubetha zithi nzwii iindlebe zakhe wonke umntu ophulaphuleyo.

13 Apha phezu kweJerusalem ndiza kuthoba isohlwayo esifana neso ndayohlwaya ngaso iSamariya kunye nendlu ka-Ahabhi. IJerusalem ndoyitshabalalisa ndiyibhukuqe oku komntu osula isitya aze asiphethule.

14 Ndosuka ndiwabukule amasalela alilifa lam; ewe, ndowanikezela ezandleni zeentshaba zawo. Aya kuxhatshazwa abhunculwe ziintshaba zawo.

15 Kaloku wona asuke enza okubi emehlweni am, awuxhokonxa umsindo wam, nto leyo ke yenzeka kwamhla bâphuma ooyise eJiputa kude kube namhla.’ ”

16 Ngaphezu koko ke uManase waliphalaza gqitha igazi elingenatyala, eqalela kweli cala, athi xhaxhe kweliya icala leJerusalem; nangaphandle kwesono awalukuhlela amaJuda kuso ukuze enze okubi emehlweni kaNdikhoyo.

17 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaManase, nayo yonke imisebenzi yakhe ikunye neso sono sakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

18 Ke uManase waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa emyezweni wakhe apho ebhotwe – lowo ke ngumyezo kaUza. Unyana wakhe uAmon wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

UAmon ukumkani wakwaJuda

19 Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anambini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula iminyaka emibini eJerusalem. Unina yayinguMeshulemete intombi kaHaruze eYotebha.

20 KwanjengoManase uyise naye wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.

21 Yena wahamba ekhondweni likayise, akanxaxha; naye wanqula imifanekiso *yezithixo njengoyise, equbuda kuyo.

22 Wasuka wambukula uNdikhoyo uThixo wooyise, akahamba ngendlela yakhe.

23 Ke amaphakathi kakumkani uAmon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe.

24 Bona ke abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.

25 Ezinye ke iziganeko zolawulo luka-Amon, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

26 Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe emyezweni kaUza. Unyana wakhe uJosiya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25