2 Yookumkani 18 XHO96

UHezekiya ukumkani wakwaJuda

1 Ke kaloku kwathi ngonyaka wesithathu kaHosheya unyana kaEla ukumkani wakwaSirayeli, uHezekiya unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula.

2 Ukuqalisa kwakhe ukulawula wayenamashumi amabini anesihlanu ezelwe, waza ke walawula eJerusalem amashumi amabini anethoba eminyaka. Unina yayinguAbhiya intombi kaZakariya.

3 Wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoyise-mkhulu uDavide.

4 Wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, wawaqhekeza amatye awodwa onqulo, wazigawula iintsika zika-Ashera. Wayikroboza inyoka yobhedu eyayenziwe nguMosis. Kaloku ukuza kuthi ga kwelo thuba amaSirayeli ayeyenzela iziqhumiso, kusithiwa nguNehushtani.

5 UHezekiya yena wakholosa ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Kubo bonke ookumkani bakwaJuda akuzange kubekho ofana naye, ngaphambili nangasemva kwakhe.

6 Wabambelela kuNdikhoyo, akashenxa kuye, wayithobela loo mithetho wayinika uMosis uNdikhoyo.

7 Ngoko ke uNdikhoyo waba ngakuye, wamphumelelisa nakuyiphi na into ayenzayo. Wayivukela ikumkani yaseAsiriya, akavuma ukuyibusa.

8 Wawagqogqa wawagqugqisa amaFilistiya esusela ezimboniselweni ukuya kwizixeko ezinqatyisiweyo, wada wee xhaxhe ngeGaza nemimandla yayo.

9 Kwathi kunyaka wesine kakumkani uHezekiya owawungunyaka wesixhenxe kaHosheya unyana kaEla ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uShalmanesere wahlasela iSamariya wayingqinga.

10 Ekupheleni kweminyaka emithathu ama-Asiriya lawo ayoyisa iSamariya, yaza ke yaba ithinjiwe ngonyaka wesithandathu kaHezekiya, owawungunyaka wethoba kakumkani uHosheya wakwaSirayeli.

11 Ukumkani waseAsiriya wamfudusa uSirayeli, wamsa eAsiriya, abantu wabamisa eHala, naseGozan kumlambo iHabhore, nakwiidolophu zamaMedi.

12 Isihla nje le ntlekele kungokuba amaSirayeli engamthobelanga uNdikhoyo uThixo wawo, koko esuka awaphula umnqophiso nayo yonke imiyalelo yesicaka sikaNdikhoyo uMosis. Ewe, akeva, akenza.

USenakeribhe uhlasela elakwaJuda

13 Ngonyaka weshumi elinesine wokulawula kukakumkani uHezekiya, ukumkani waseAsiriya uSenakeribhe wazihlasela wazithimba zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.

14 Ke uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, wathumela lo myalezo kukumkani waseAsiriya eLakishe, esithi: “Ewe, ndikonile; nceda ke ngoko urhoxe kum. Ndokhupha nantoni na othi mandirhume ngayo.” Ukumkani waseAsiriya ke wamrhafisa ishumi lamawaka eekhilogram zesiliva kunye newaka leekhilogram zegolide.

15 Ngoko ke uHezekiya wamnika yonke isiliva eyafumanekayo endlwini kaNdikhoyo nakoovimba bakomkhulu.

16 Kananjalo ke uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, ngelo xesha wayixobula negolide awayetyabeke ngayo iingcango nemigubasi yendlu kaNdikhoyo, wayinika ukumkani waseAsiriya.

17 Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wathi eseLakishe wathumela ukumkani uHezekiya eJerusalem umkhosi omkhulu uphantsi kwenjengele yakhe, nengqwayi-ngqwayi engumaqhuzu, ndawonye nengqwayi-ngqwayi ebhexeshayo. Wakufika eJerusalem loo mkhosi, wema kwindlela ebheka apho kusetyenzwa khona amalaphu, ngakumjelo otsala amanzi kwiqula elingentla.

18 La madoda ke akhwaza ukumkani, kwaza ke kwaphuma uEliyakim unyana kaHilekiya umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, ndawonye noJowa unyana ka-Asafu usiba-khulu, bawahlangabeza.

19 Ingqwayi-ngqwayi ebhexeshayo yathetha nabo yathi: “Xelelani uHezekiya nithi: ‘Ithethe ngolu hlobo ingangalala ukumkani waseAsiriya: Njengokuba uzithembe kangaka nje, Hezekiya, uqamele ngantoni kanye?

20 Akuzilibali unamacebo nobuchule bomkhosi onamandla. Awu, waza walavuza kambe! Ukholose ngabani, undivukela nje?

21 Jonga, ndiyazi ukuba uthembele ngeJiputa. Xa ingubani yona, umsimelelo ofana nengcongolo entlekekileyo, ojika uhlabe izandla zomntu osimelela ngawo, umtsho abe namanxeba. Ewe, unjalo ukumkani waseJiputa; ubenjenjalo bonke abakholosa ngaye.

22 Mhlawumbi ke uthi: “Hayi, thina sikholose ngoNdikhoyo uThixo wethu.” Kanene lowo asingulo uHezekiya amdilizele iindawo eziphakamileyo zonqulo, wabhangisa namaqonga amadini akhe, esithi kuJuda neJerusalem: “Yizani kunqula kwiqonga eliseJerusalem”?

23 “ ‘Hayi bo! Yiza kaloku, ukhe unqophisane nenkosi yam, umhlekazi ukumkani waseAsiriya. Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unganabo abakhweli.

24 Kuxa ungubani wena? Akunakuthelekiswa nalo nebhetye-bhetye kumajoni aseAsiriya, noba ungade ukholose ngeenqwelo namahashe aseJiputa.

25 Kakade ke, uthi ndifane ndeza kuhlasela ukuze nditshabalalise ndibhuqe konke apha ndingayalelwanga nguNdikhoyo? Hayi, nguNdikhoyo ngokwakhe othe mandingene apha, ndilitshabalalise eli lizwe!’ ”

26 Kwesi sithuba ke uEliyakim unyana kaHilekiya, noShebhena, noJowa, babhekisa apho kwingqwayi-ngqwayi engumbhexeshi, bathi: “Khawuncede ukhumshe isiAram, mhlekazi; izicaka zakho ezi ziyasiqonda. Musa ukuthetha nathi ngesiHebhere, hleze kuve naba bantu baseludongeni.”

27 Kambe ke loo ngqwayi-ngqwayi yaphendula yathi: “Yini le, nicinga ukuba la mazwi inkosi yam iwabhekisa enkosini yenu nakuni kuphela? Nithi ayiwabhekisi nakwaba bantu bahleli kolu donga? Andithi kaloku nabo kwanjengani baza kutya ilindle labo, basele umchamo wabo!”

28 Yaphakama ke ingqwayi-ngqwayi leyo, yadanduluka ithetha ngesiHebhere, yathi: “Phulaphulani nive ekuthethayo ingangalala, ukumkani waseAsiriya!

29 Ukumkani uthi: ‘Sanukukhohliswa nguHezekiya lo! Akanako ukunihlangula esandleni sam.

30 Sanukumvumela aniwexulele ekukholoseni ngoNdikhoyo, esithi: “Ngenene uNdikhoyo uya kusihlangula, nesi sixeko asiyi kuba lixhoba lokumkani waseAsiriya.” ’

31 “Musani ukumphulaphula uHezekiya lo! Ukumkani waseAsiriya uthi: ‘Phumani, nize kuzinikezela kum, sivisisane. Ukuba niyayenza loo nto, nonke ngabanye niya konwaba, ibe ngulowo nalowo atye iziqhamo zesidiliya sakhe namakhiwane akhe, esela amanzi equla lakhe,

32 ndide ndize kunithatha, ndinise kwilizwe elifana neli lenu, umhlaba onemveliso yeenkozo newayini, ilizwe lengqolowa nediliya, ilizwe elinemithi yeminquma kunye nobusi. Zikhetheleni ubomi ke, ningakhethi ukufa.’“Sanukulahlekiswa nguHezekiya, kuba uyanilahlekisa xa esithi: ‘UNdikhoyo uza kusihlangula.’

33 *Nguthixo wasiphi isizwe owakhe wasihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?

34 Baphi oothixo baseHamati naseArpadi? Baphi oothixo baseSefarvayim, abaseHena, nabaseIva? Ngaba bakha bayihlangula iSamariya esandleni sam?

35 Nguwuphi kwaba thixo bezi zizwe xa bebonke owakha wanako ukuhlangula ilizwe esandleni sam? Ke, uNdikhoyo lowo yena angayihlangula njani iJerusalem esandleni sam?”

36 Kodwa ke bona abantu abo bathula bathi cwaka, abaphendula, kuba kaloku ukumkani uHezekiya wayebayalile wathi: “Ze ningamphenduli.”

37 Ke kaloku uEliyakim unyana kaHilekiya, umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye noJowa unyana ka-Asafu, usiba-khulu, bakhathazeka, bazikrazula izambatho zabo, bahamba baya kuHezekiya, baza bamazisa loo mazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25