2 Yookumkani 3 XHO96

Uvukelo lweMowabhi

1 UYoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaYoshafati ukumkani wakwaJuda, walawula iminyaka elishumi elinambini.

2 Ke kaloku wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; noko ke akadanga afike kumgangatho kayise nonina. Walisusa ilitye likaBhali, elo lalenziwe nguyise.

3 Kambe ke naye wabambelela kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wayemlukuhlele kuzo uSirayeli; ewe, naye akashenxanga kuzo.

4 Ke kaloku uMesha ukumkani waseMowabhi wayefuye iigusha, erhuma kukumkani wakwaSirayeli ngekhulu lamawaka amatakane nangoboya beenkunzi zeegusha ezilikhulu lamawaka.

5 Kambe ke akuba engasekho ukumkani uAhabhi, ukumkani waseMowabhi wamgwilikela ukumkani wakwaSirayeli.

6 Ngoko ke ngelo thuba ukumkani uYoram waphuma eSamariya, wayiqokelela yonke imikhosi kaSirayeli.

7 Waza ke wathumela kukumkani uYoshafati wakwaJuda esithi: “Ukumkani waseMowabhi undigwilikele. Awungebi nako na ke ukundixhasa silwe nayo iMowabhi?”Ke uYoshafati wathi: “Kulungile, ndiyaya. Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”

8 Waza ke wathi: “Sovela ngaliphi na icala xa sibahlaselayo?”UYoram waphendula ngelithi: “Ngentlango yase-Edom.”

9 Waphuma ke ngoko ukumkani wakwaSirayeli, enokumkani wakwaJuda nowase-Edom. Emva kwendlela ejikelezayo yeentsuku ezisixhenxe umkhosi lowo waphelelwa ngamanzi, akwabikho nala emfuyo.

10 Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yini le, angathini uNdikhoyo ukuqokelela ookumkani abathathu aba, kanti uza kusuka abanikele esandleni samaMowabhi ngolu hlobo?”

11 UYoshafati wathi: “Bekungasekho *mshumayeli kaNdikhoyo esingabuzisa kuNdikhoyo ngaye na apha?”Ke igosa elithile lokumkani wakwaSirayeli laphendula lathi: “Ukhona apha uElisha, unyana kaShafati. Ngulowa wayelihlakani likaEliya.”

12 UYoshafati wathi: “Nanko ke umntu onelizwi likaNdikhoyo!” Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli ekunye noYoshafati nokumkani wase-Edom behla baya kuye.

13 Ke uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Andinanto yakwenza nawe! Hamba wena uye kubashumayeli bakayihlo nonyoko!”Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Hayi kaloku, nguNdikhoyo ngokwakhe osiqokeleleyo thina zikumkani sobathathu, wathi kanti uza kusinikela esandleni samaMowabhi.”

14 Ke uElisha wathi: “Inene, ekho nje uNdikhoyo uSomandla, lo ndimkhonzayo, ukuba bekungeyiyo into yokuba ndihlonele ubukho bukakumkani uYoshafati wakwaJuda, ngendinganijongi nokunijonga, ndinganikhathalele futhi.

15 Kodwa ke khawuze nomdlali wehapu.”Uthe ke umdlali-hapu lowo akuyikhalisa, satsho saphezu koElisha isandla sikaNdikhoyo,

16 waza wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Yenzani imisele kule ntili.’

17 Kuba kaloku uNdikhoyo uthi: ‘Akuyi kubakho moya namvula, kodwa yona intili le yophuphuma amanzi, uze ke wena neenkomo zakho nayo yonke imfuyo yakho ningawasweli amanzi okusela.’

18 Leyo ke yinto elula kuNdikhoyo; noMowabhi lowo womnikela esandleni senu.

19 Zonke izixeko ezinqatyisiweyo kunye nezo zizezona zibalulekileyo niya kuzoyisa. Yonke imithi emihle niya kuyigawula, niyivingce yonke imithombo, namasimi endyebo onke niwonakalise ngamatye.”

20 Ngentsasa elandelayo ke, ngexesha lokunikela amadini, kwaba sekunjalo: amanzi ayempompoza evela ngakwicala lakwaEdom! Ewe, yaba zizantyala-ntyala zamanzi.

21 Ke amaMowabhi avile ukuba ookumkani aba beze kulwa nawo; ngoko ke aqokelela yonke into eyindoda, omncinci nomdala onako ukuxhoba ezemfazwe, aza emiswa emideni.

22 Ukuvuka kwawo kusasa ilanga lalikhazimla emanzini. Ke kaloku ngaphesheya phaya kumaMowabhi amanzi lawo asuka angathi abomvu njengegazi.

23 Athi: “Hayi bo, ligazi eliya! Ookumkani abaya fana balwe bodwa babulalana. Phakathi, maMowabhi! Amaxhoba ahlel' odwa!”

24 Kodwa ke athi akufika ekampini yamaSirayeli amaMowabhi lawo, suka avuka amaSirayeli, alwa ada awasukela. Hayi ke, amaSirayeli alihlasela elo lamaMowabhi, akawabulala awaxhela.

25 Azitshabalalisa iidolophu, aza kuloo masimi anendyebo yayileyo indoda yaphosa ilitye, yaza yaba lilitye nje kuloo masimi. Ayivingca imithombo, ayigawula nemithi emihle. YiKir-hareshete yodwa ekungazange kuchukunyiswe nelitye eli kuyo, kodwa nayo amadoda axhobe *ngeenkwitshi ayingqinga ayihlasela.

26 Uthe ke akubona ukuba idabi limongamele ukumkani waseMowabhi, suka wathatha amakhulu asixhenxe amadoda alwa ngeentshuntshe, wazama ukutyhoboza aphumele kukumkani wase-Edom, kambe ke woyiswa nayile into.

27 Ngoku ke wathatha unyana wakhe oyinkulu, eyayiza kuba ngukumkani xa yena engasekho, wenza ngaye idini elitshiswayo phezu kodonga lwesixeko eso. Ke kaloku amaSirayeli akhamnqa ngendlela engathethekiyo; aza ke ahlehla agoduka.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25