2 Yookumkani 10 XHO96

Ukubulawa kwendlu ka-Ahabhi

1 Ke kaloku eSamariya kwakukho amashumi asixhenxe oonyana bendlu ka-Ahabhi. Ke uYehu wabhala iileta, wazithumela eSamariya kumaphakathi aseYizereli, nakumadoda amakhulu, nakubagcini babantwana baka-Ahabhi. Zazisithi:

2 “Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nesixeko esinqatyisiweyo, nezixhobo,

3 khethani oyena ufanelekileyo nongenakukhalazelwa koonyana benkosi yenu, nimbeke esihlalweni sikayise, nize niyilwele indlu yenkosi yenu ke.”

4 Kambe ke basuka bangcangcazela kukoyika, besithi: “Xa oyise ookumkani ababini, sobeka phi ke thina?”

5 Ngoko ke umlawuli wakomkhulu, nonolali wesixeko, amadoda amakhulu nabagcini, bathumela lo myalezo kuYehu: “Sizizicaka zakho; sizimisele ukwenza ukuthanda kwakho; asizimiselanga kumisa mntu abe ngukumkani. Nawe ke ungenza ngendlela obona ngayo.”

6 Wababhalela eyesibini incwadi uYehu, esithi: “Kaloku xa ningakum, nizimisele ukundithobela, banqumleni iintloko oonyana benkosi yenu, nize nazo, sibonane eYizereli ngomso ngeli xesha.”Amatshawe lawo ke ayengamashumi asixhenxe ekumadoda aziinkokheli zesixeko awayewakhulisa.

7 Ithe ke yakufika loo leta amadoda lawo awathatha onke loo matshawe angamashumi asixhenxe awabulala. Iintloko zawo azifaka ezibhaskitini, azithumela kuYehu eYizereli.

8 Isigidimi eso ke safika samxelela uYehu sathi: “Nazi, bazizisile iintloko zamatshawe.”UYehu wayalela wathi: “Zibekeni zibe ziinqumba ezimbini phaya esangweni lesixeko kude kube ngomso kusasa.”

9 Ngentsasa elandelayo ke uYehu waphuma, wema phambi kwabo bonke abantu, wathi: “Aninatyala; ndim lo oyenzele iyelenqe inkosi yenu, ndayibulala; kambe ke, ngubani lo ubulele aba?

10 Yazini ke kodwa ukuba akukho nalinye ilizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngendlu ka-Ahabhi eliya kulambatha. UNdikhoyo ukwenzile konke awakuthethayo ngesicaka sakhe uEliya.”

11 Ke uYehu wabulala wonke umntu apho eYizereli owayesasele engowendlu ka-Ahabhi, kananjalo nezibonda zakhe, izihlobo nababingeleli bakhe, akashiya nempunde le.

12 UYehu ke waphuma waya ngaseSamariya. EBhete-ekede yabelusi

13 wadibana nezizalwana zikakumkani uAhaziya wakwaJuda, wabuza wathi: “Ningoobani?”Zaphendula zathi: “Sizizizalwana zika-Ahaziya. Size kubona indlu kakumkani kunye nonina wekumkanikazi.”

14 Waza wathi: “Babambeni besaphila!” Bababamba ke, bababulala ngakwiqula laseBhete-ekedi. Yayingamashumi amane amadoda; akasindisanga nalo mnye umntu.

15 Akudlula apho wadibana noYonadabhi unyana kaRekabhi owayehlangabeza yena. UYehu wambulisa wathi: “Ngaba nawe ungakum kwanjengokuba nam ndingakuwe?”UYonadabhi waphendula wathi: “Ewe, kunjalo.”UYehu wathi: “Xa kunjalo, ethe isandla.” Wenjenjalo ke, waza ke uYehu wamkhwelisa apho enqwelweni yakhe.

16 UYehu wathi: “Yiza uze kubona ukumzondelela kwam uNdikhoyo.” Baza ke bahamba kunye ngenqwelo leyo.

17 Akufika eSamariya uYehu wabulala bonke ababesele bendlu ka-Ahabhi, wabatshabalalisa mpela ngokwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo kuEliya.

Ukufa kwabanquli bakaBhali

18 UYehu wabaqokelela bonke abantu, wathi kubo: “UAhabhi wayemnqula kancinci uBhali, kodwa ke mna ndiza kumnqula kakhulu.

19 Babizeni bonke abashumayeli bakaBhali, abanquli bakhe, ndawonye nababingeleli bakhe. Makungasali namnye, kuba ndiza kumenzela idini elikhulu uBhali. Umntu othe akeza akayi kudla bomi.” Kambe ke uYehu wayesenza iqhinga lokutshabalalisa bonke abanquli bakaBhali.

20 UYehu wathi: “Abantu babizeleni kwindawo eyodwa yokunqula uBhali.” Ngenene ke babamema abantu.

21 Waza ke wathumela umyalezo kuSirayeli ephela, nakubo bonke abanqula uBhali, ukuze bangaphoswa. Ewe, beza xa bebonke. Baqokelelana ke apho esibingelelweni sikaBhali, satsho sazala sema ngeembambo.

22 UYehu wathi kumgcini wegumbi lezambatho: “Bonke abanquli bakaBhali banike izambatho.” Weza nazo ke ezo zambatho.

23 Ke uYehu kunye noYonadabhi, unyana kaRekabhi, bangena apho esibingelelweni sikaBhali. UYehu wathetha nabanquli bakaBhali wathi: “Khangelani kungathi kanti apha kukho nezicaka zikaNdikhoyo; kuphela mayibe ngabo banqula uBhali.”

24 Bangena ke, benza iminikelo namadini atshiswayo. Ngoku ke uYehu wayemise amadoda angamashumi asibhozo ngaphandle, wathi: “Umntu okhe wabayeka baphuncula aba bantu ndininika bona, uya kubuyekeza ngobomi bakhe.”

25 Akugqiba ukwenza amadini atshiswayo uYehu wayalela abalindi namagosa, wathi: “Ngenani nibulale konke, kungasali nomnye.” Ngoko ke babanqumla bonke ngekrele. Abalindi namagosa lawo ayiphosa ngaphandle imizimba, wona angena kumagumbi angaphakathi eso sibingelelo sikaBhali.

26 Bazikhupha apho esibingelelweni sikaBhali iintsika ezingcwele, baza bazitshisa.

27 Balitshabalalisa ilitye likaBhali, basiqhaqha isibingelelo sakhe, satsho sayindawo ekuyiwa kuyo ngasese unanamhla.

28 Ngoko ke uYehu walubhangisa unqulo lukaBhali kwaSirayeli.

29 Kambe ke zange aziyeke izono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli: inkonzo yethole legolide eBhetele nakwaDan.

30 UNdikhoyo wathi kuYehu: “Ngenxa yokuba wenze kakuhle kangaka, wandikholisa ngokwenza loo nto ndandizimisele kuyo mayela nendlu ka-Ahabhi, ngoko ke iya kude ibe sisizukulwana sakho sesine indlu yakho ilawula kwaSirayeli.”

31 Phofu ke yena uYehu lo zange akunonophele ukuwuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngomxhelo wakhe wonke. Zange azichase izono zikaJerobhowam, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.

32 Ngaloo mihla ke uNdikhoyo wawaphungula amaSirayeli. UHazayeli wawongamela amaSirayeli kuwo wonke ummandla wawo,

33 kwimpuma yeJordan, nakuwo wonke umhlaba waseGiliyadi (ingingqi kaGadi, noRubhen, noManase), ukusuka eArohere kwingxingwa yeArnon, ukunqumla iGiliyadi, kuye eBhashan.

34 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehu, nayo yonke imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkai bakwaSirayeli.

35 UYehu waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa eSamariya. UYowahazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

36 Ithuba lolawulo lukaYehu kwaSirayeli eSamariya yaba ngamashumi amabini anesibhozo eminyaka.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25