2 Yookumkani 12 XHO96

Ukuhlaziywa kwendlu kaThixo

1 Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe kaYehu uYowashe waba ngukumkani, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.

2 Ngalo lonke ixesha eboniswa ngumbingeleli uJoyada uYowashe wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.

3 Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshatyalaliswe, abantu baqhuba benqula kuzo, besenza amadini, betshisa iziqhumiso.

4 UYowashe wathetha nababingeleli, wathi: “Qokelelani yonke imali eyiminikelo eziswa endlwini kaNdikhoyo; imali eqokelelwe ngobalo, imali yezifungo zabantu, ndawonye nemali eziswa endlwini kaThixo ngabo bazivayo.

5 Umbingeleli ngamnye makathathe imali komnye woonondyebo, ize isetyenziswe ekulungiseni nawuphi na umonakalo ofumaneka endlwini kaThixo.”

6 Kodwa ke yada yaba ngunyaka wamashumi amabini anantathu kakumkani uYowashe ababingeleli bengekayihlaziyi indlu kaThixo.

7 Ngoko ke ukumkani uYowashe wabiza umbingeleli uJoyada nabanye ababingeleli, wababuza wathi: “Ngani ukuba nibe anikawulungisi umonakalo osendlwini kaThixo? Niyabona ke, sanukuba sathatha mali koonondyebo, koko yonke imali yinikezeleni ukuze kuhlaziywe ngayo indlu kaThixo.”

8 Bavuma ke ngoko ababingeleli ukuba abayi kuba saqokelela mali yimbi ebantwini, futhi bengayi kuyihlaziya ngokwabo indlu kaThixo.

9 Umbingeleli uJoyada wathatha ityesana, wayigqobhoza isivalo, waza wayibeka kwicala lasekunene endlwini kaNdikhoyo kufutshane neqonga, ababingeleli ababegada isango bayigalela kuyo yonke imali eyayisiza nabantu endlwini kaNdikhoyo.

10 Yayisithi yakuba sisixa imali leyo apho kuloo tyesana, unobhala wasebhotwe kunye nombingeleli omkhulu beze bayibale imali ezisiweyo endlwini kaNdikhoyo, baze bayifake ezingxoweni.

11 Ithe ke imali yakuba sisixa esithile, bayithatha bayinikela kwabo babemiselwe ukongamela umsebenzi wendlu kaThixo. Ngayo ke bahlawula abo babesebenza endlwini kaNdikhoyo, abachweli, nabakhi,

12 nabavusi beendonga, nabakroli bamatye. Bathenga imithi namatye ahonjisiweyo okulungisa indlu kaNdikhoyo, bahlawula zonke iindleko zokuhlaziya indlu kaThixo.

13 Le mali yayiziswe endlwini kaThixo ke ayichithwanga ekwenzeni izitya zesiliva, izikhwezeli, izitya zokutshiza, amaxilongo, nayo nayiphi na into yendlu kaNdikhoyo eyenziwe ngegolide okanye isiliva,

14 koko ngayo kwahlawula abasebenzi, baza bahlaziya indlu kaThixo ngayo.

15 Zange bafune nkcukacha kwabo babebanikela ukuba bahlawule abasebenzi, kuba babesebenza ngokunyaniseka.

16 Ke yona imali yeminikelo yobutyala neyamadini esono yayingeziswa endlwini kaNdikhoyo, kuba yayiyeyababingeleli.

17 Ngeli thuba ke ukumkani wakwa-Aram uHazayeli wahlasela iGati wayithimba. Wabuya ke wahlasela neJerusalem.

18 Kambe ke ukumkani uYowashe wakwaJuda wazithatha zonke izinto ezingcwele ezazinikelwe ngooyise – uYoshafati noYehoram noAhaziya, ookumkani bakwaJuda – kunye nezipho ezazinikelwe nguye ngokwakhe, nayo yonke igolide eyafumaneka koovimba bendlu kaNdikhoyo, naleyo yasebhotwe, waza wazithumela kukumkani uHazayeli wakwa-Aram, owathi ke akuzifumana warhoxa eJerusalem.

19 Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaYowashe, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

20 Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, ambulala eBhete-milo kwindlela eya eSila.

21 Loo maphakathi ambulalayo yayinguYozakare unyana kaShimeyati noYozabhele unyana kaShomere. Wasweleka ke, waza ke wangcwatywa phakathi kooyise kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAmaziya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25