2 Yookumkani 9 XHO96

Ukuthanjiswa kukaYehu

1 *Umshumayeli uElisha wabiza omnye weqela labashumayeli, wathi kuye: “Finyeza iingubo zakho, uthathe eli qhaga linamafutha omnquma, uye eRamoti yaseGiliyadi.

2 Wakufika khona uze ukhangele uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi. Uze umthathe umke naye koogxa bakhe, ningene kwelona gumbi likude ngaphakathi.

3 Nakuba nilapho ke uze uthathe eli qhaga lamafutha omnquma, umthambise umgalele ngawo entloko, uthi: ‘Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ Wakugqiba ke, vula umnyango, ubaleke umke ngokukhawuleza.”

4 Ngoko ke loo mfana ungumshumayeli waya eRamoti yaseGiliyadi.

5 Efikile ke khona wafumana iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zihleli ndawonye. Wathi: “Ndinomyalezo wakho, njengele!”UYehu wabuza wathi: “Uxela bani kanye?”Ke yena waphendula wathi: “Nditsho wena, njengele.”

6 UYehu waphakama, wangena endlwini. Ke yena umshumayeli lowo wathatha iqhaga elo, wagalela uYehu ngamafutha entloko, wathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndiyakuthambisa ukuba ube ngukumkani wosapho lukaNdikhoyo, uSirayeli.

7 Uyabona ke, uze uyitshabalalise indlu ka-Ahabhi, inkosi yakho; mna ke ndiya kuliphindezela igazi lezicaka zam abashumayeli, ndawonye nalo lonke igazi lezicaka zikaNdikhoyo elaphalazwa nguJezebhele.

8 Xa iyonke indlu ka-Ahabhi iya kutshabalala. Ndiza kuyinqamla kwa-Ahabhi yonke into eliduna, nditsho ophezulu nophantsi kwaSirayeli.

9 Indlu ka-Ahabhi ndoyifanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati, ibe njengendlu kaBhayesha unyana ka-Ahiya.

10 Ke yena uJezebhele uya kudliwa zizinja kweso siqithi somhlaba siseYizereli, kungabikho namntu uya kumngcwaba.’ ” Waza ke wavula umnyango, waphuma wabaleka.

11 Akuba ke uYehu ebuyele kwiingqwayi-ngqwayi zenkosi yakhe, enye yazo yabuza yathi: “Ngaba zime kakuhle na zonke izinto? Belifuna ntoni eli geza apha kuwe?”UYehu waphendula ngelithi: “Hayi, niyamazi lo mfo nezinto adla ngokuzithetha!”

12 Oogxa bakhe baphendula bathi: “Uyasiqhatha. Khawusixelele inyaniso; ubesithini?”UYehu wathi: “Hayi ke, nantsi into ayithethileyo: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ ”

13 Bakhawuleza ke bathatha iingubo zabo, bazandlala phantsi kwakhe apho esitupini. Baza bakhalisa isigodlo, bakhwaza bathi: “UYehu ngukumkani!”

UYehu ubulala uYoram

14 Ke uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi wenzela uYoram iyelenqe. UYoram naye wonke uSirayeli babehlanganisela iRamoti yaseGiliyadi eyayihlaselwa nguHazayeli ukumkani wama-Aram,

15 kodwa ke uYoram wabuyela eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. UYehu wathi: “Ukuba siyavana sukuvumela mntu aphume apha esixekweni aye kuxela iindaba eYizereli.”

16 Wangena enqwelweni yakhe ke, waya eYizereli, kuba uYoram wayelele khona. Ke naye uAhaziya ukumkani wakwaJuda wayeye kumbona.

17 Ke umlindi owayemi emboniselweni eYizereli, akubona uYehu esiza nomkhosi, wakhwaza wathi: “Nanko umkhosi usiza!”UYoram wathi: “Thumela umntu ngehashe aye kuwuhlangabeza, abuze athi: ‘Niza ngoxolo na?’ ”

18 Waphuma loo mfo ngehashe, waya kuhlangabeza uYehu, wabuza wathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”Umlindi waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa ke asibuyi.”

19 Ke ukumkani wathumela esinye isigidimi kwangehashe. Sithe ke sakufika kubo sathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”

20 Umlindi ubuye waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa asibuyi. Ke ukuqhuba ngathi kukuqhuba kukaYehu unyana kaNimshi, ngokuba uqhuba oku kwephambana.”

21 UYoram wathi: “Bopha inqwelo yam.” Ibotshiwe ke inqwelo yakhe yokulwa, baza ukumkani wakwaSirayeli uYoram nokumkani wakwaJuda uAhaziya bakhwela ezinqwelweni zabo, bahlangabeza uYehu. Bahlangana naye kuloo ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli.

22 UYoram, akumbona uYehu, wabuza wathi: “Yehu, ngaba uza ngoxolo na?”UYehu waphendula wathi: “Lungavela phi uxolo xa unyoko uJezebhele esaqhuba inkonzo yezithixo nobu bugqwirha bakhe?”

23 Ke uYoram wajika wabaleka ekhwaza uAhaziya esithi: “Liyelenqe, Ahaziya!”

24 UYehu warhola utolo lwakhe, wajolisa kuYoram, wamchana phakathi kwamagxa, utolo olo ke lwaya kuthi xhokro entliziyweni, watsho wawa apho enqwelweni.

25 UYehu wathetha noBhidekare umqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Mchole umphose kulaa ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli. Khumbula ngokuya mna nawe sasisenqwelweni emva koyise uAhabhi, ngokuya uNdikhoyo wathethayo wathi:

26 ‘Izolo ndilibonile igazi likaNabhoti ndawonye negazi loonyana bakhe, utsho uNdikhoyo, ndaye ke ndiza kukwenza ulihlawule kuyo yona le ntsimi, lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ Ngoko ke mchole umphose kuloo ntsimi ngokokutsho kukaNdikhoyo.”

Ukufa kuka-Ahaziya

27 Akuyibona loo nto yenzekileyo uAhaziya ukumkani wakwaJuda, wenyuka ngendlela eya eBhete-hagan. UYehu wamsukelisa, ekhwaza esithi: “Bulala!” Baza ke bamngxwelerha apho enqwelweni yakhe endleleni eya eGure ngaseIbheyam. Kambe ke waphuncula, waya kufela eMegido.

28 Amaphakathi akhe amthatha ngenqwelo, amsa eJerusalem, aza amngcwaba phakathi kooyise kwingcwaba elikwisixeko sikaDavide.

29 UAhaziya lo waqala ukuba ngukumkani wakwaJuda kunyaka weshumi elinanye elawula uYoram unyana ka-Ahabhi.

Ukufa kukaJezebhele

30 UYehu waya eYizereli. Akuyiva loo nto ke uJezebhele wahombisa amehlo akhe, walungisa neenwele zakhe, waza wakroba ngefestile.

31 Xa angena esangweni uYehu, uJezebhele wabuza wathi: “Zimri, ngaba uza ngoxolo kodwa, ntondini egebenge inkosi yayo?”

32 Wajonga efestileni ephakamileyo leyo uYehu, wathi: “Ngubani ongakum? Ngubani?” Izicaka ezibini okanye ezithathu zajonga kuye ezantsi,

33 uYehu wathi: “Mphoseni apha!” Zaza ke zamphosa uJezebhele, igazi lakhe lachaphazela olo donga ndawonye naloo mahashe, waza wamnyathelisa ngawo.

34 Ke uYehu wangena endlwini, wafika watya wasela, waza wathi: “Nosenimjonga laa mfazi uqalekisiweyo, nize nimngcwabe, kuba kaloku yintombi yokumkani.”

35 Bathe ke xa baya kumngcwaba, bafumana kuphela ukhakhayi lwakhe, neenyawo nezandla.

36 Babuyela kuYehu bamxelela, waza wathi: “Oku kukuzaliseka kwelizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngesicaka sakhe uEliya waseTishbhi esithi: ‘UJezebhele uya kudliwa zizinja entsimini yaseYizereli.

37 Umzimba kaJezebhele uya kuba yinkunkuma entsimini eseYizereli, kungabi sathiwa: Lo nguJezebhele.’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25