2 Yookumkani 4 XHO96

Amafutha omhlolokazi

1 Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba amakhwenkwe am amabini abe ngamakhoboka.”

2 UElisha wathi kuye: “Ndingakunceda kanjani ke? Khawutsho, unantoni endlwini yakho?”Ke yena wathi: “Akukho nto sinayo isicakazana sakho esi ngaphandle kwengqayana yamafutha omnquma.”

3 UElisha wathi: “Khawuhamba-hambe ujikeleze ebumelwaneni, ufune iingqayi ezingenanto, zingabi mbalwa, koko zibe ninzi.

4 Wakuba uzifumene ke, ngena endlwini yakho noonyana bakho, nizivalele khona. Uze ke ugalele amafutha lawo kwezo ngqayi zonke. Yakuzala enye yibeke bucala.”

5 Bahlukana ke, waza wazivalela noonyana bakhe apho endlwini. Bazizisa kuye iingqayi, waza ke yena wamana ezizalisa ngamafutha omnquma.

6 Zithe ke zakuzala zonke, wabhekisa kunyana wakhe wathi: “Yiza nenye kwakhona.”Kodwa ke yena wathi: “Ziphelile; akukho yimbi eseleyo.” Namafutha ke atsho aphela.

7 Wahamba ke waya kuxelela umfo wakwaThixo owathi kuye: “Hamba uye kuthengisa loo mafutha, uhlawule amatyala akho. Aseleyo ke nophila ngawo, wena noonyana bakho.”

Ukuphiliswa konyana womShunemikazi

8 Ngenye imini uElisha waya eShunem. Khona apho kwakukho mfazi uthile usisityebi owamcelayo ukuba angene endlwini yakhe afumane into etyiwayo. Ebesithi ke, xa adlulayo, aphambukele khona ukuba afumane into etyiwayo.

9 Lo mfazi ke wathetha nendoda yakhe wathi: “Ndiyaqonda ukuba lo mfo umana engena apha ngumntu okhethekileyo wakwaThixo.

10 Ngoko ke masimakhele igunjana apha phezu kwendlu yethu, kulo sibeke umandlalo, itafile, isitulo, nesibane, khon' ukuze athi xa efikile ahlale kulo.”

11 Efikile ke ngenye imini uElisha, wangena apho kwelo gumbi lakhe, wangqengqa.

12 Wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Khawubize lo mfazi womShunem eze apha.”Wambiza ke, waza wafika wema phambi kwakhe.

13 UElisha wathi kuGehazi: “Buza kuye uthi: ‘Njengoko usenzele yonke le nquleqhu nje, mna ke ndingakwenzela ntoni? Awungethandi ndikuthethele kukumkani okanye kwinjengele yomkhosi?’ ”Ke yena wathi: “Hayi noko, ndihleli phakathi kwamawethu.”

14 UElisha wathi: “Ngaba angenzelwa ntoni na?”UGehazi wathi: “Ngathi akananyana, ibe ke nendoda yakhe seyikhulile.”

15 UElisha wathi: “Mbize.”Ngoko ke wambiza, waza wafika wema emnyango.

16 UElisha wabhekisa kuye wathi: “Ngeli xesha kunyaka ozayo uya kuba usingathe unyana ezandleni zakho.”Ke kaloku yena wathi: “Hayi, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukusikhohlisa isicakazana sakho.”

17 Ewe, umfazi lowo ke wamitha, waza ke kunyaka olandelayo malunga nelo thuba wafumana unyana ngokwelizwi elalithethwe nguElisha.

18 Akukhula ke umntwana lowo, ngamhla uthile waya kuyise owayesemasimini nabavuni.

19 Wathi kuyise: “Intloko yam; intloko yam!”Uyise ke wabhekisa kwisicaka sakhe, wathi: “Mthwale umse kunina.”

20 Samthwala ke, samsa kunina, umntwana lowo wahlala njalo esingathiwe ngunina, kwada kwasemini, waza ke wasweleka.

21 Ke unina wamthatha waya naye kwigumbi lomfo wakwaThixo, wafika wambeka emandlalweni wakhe, waza ke waluvala ucango waphuma.

22 Ke wathetha nomyeni wakhe wathi: “Nceda utsho isicaka size nedonki apha; ndifuna ukuya kulaa mfo wakwaThixo ngoku, ndiphinde ndibuye.”

23 Ke yena wabuza wathi: “Ngani ukuba uye kuye namhlanje? Inyanga ayikathwasi, ibe ingenguwo *noMhla woPhumlo.”Umfazi waphendula wathi: “Sukukhathazeka.”

24 Waza ke umfazi lowo wabeka isali edonkini, wathi kwisicaka: “Ndikhokele, ungacothi ngaphandle kokuba kutsho mna.”

25 Ngoko ke waphuma waya kumfo wakwaThixo kwintaba iKarmele.Umfo wakwaThixo wambona esemgama, waza wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Uyabona, nankuya umShunemikazi esiza!

26 Yiya kumhlangabeza, ufike ubuze uthi: ‘Uphila njani? Usaphila umyeni wakho? Umntwana yena uphilile?’ ”“Hayi noko konke nje kulungile,” waphendula watsho.

27 Uthe ke akufika apho entabeni kumfo wakwaThixo wasuka wambamba ezinyaweni. Ke yena uGehazi wafuna ukumtyhiliza, kodwa ke umfo wakwaThixo wathi: “Hayi, myeke! Usengxakini ebuhlungu, kambe uNdikhoyo undifihlele, akandixelela ukuba kungenxa yantoni na.”

28 Umfazi lowo wathi: “Ngaba ndakha ndamcela na umntwana kuwe, nkosi yam? Ndandingatshongo na ukuthi: ‘Musa ukundinika ilize lethemba’?”

29 UElisha wabhekisa kuGehazi wathi: “Finyeza uxhabashe! Thatha induku yam, uhambe ngokukhawuleza, ubaleke. Umntu odibana naye ngendlela uze ungambulisi, nawe xa umntu ekubulisa, uze ungachithi ixesha ngempilo. Le nduku yam uze uyibeke phezu kobuso benkwenkwe leyo.”

30 Kodwa ke unina womntwana wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ukho nje nawe, andiyi kuhamba ngaphandle kwakho.” Ngoko ke waphakama uElisha wamlandela.

31 Ke kaloku uGehazi wabakhokela, wafika wabeka induku leyo phezu kobuso benkwenkwe, kodwa ke kwathi cwaka akwabikho kusabela. Ke uGehazi wajika wahlangabeza uElisha wamxelela esithi: “Laa nkwenkwe ayivuki tu.”

32 Ekufikeni kwakhe ke uElisha kwelo khaya, wafumana inkwenkwe leyo isemandlalweni wakhe, iseliswelekile.

33 Akufika ke wangena apho egumbini, waza waluvala ucango, basala bobabini, waza ke wathandaza uNdikhoyo.

34 Ngoko ke wazolula apho phezu kwaloo nkwenkwe, yangumlomo emlonyeni, neliso elisweni, nezandla ezandleni. Kuthe ke kusenjalo, suka waya ufudumala ngokufudumala umzimba wenkwenkwe leyo.

35 UElisha ke wakhe wayishiya, wahamba-hamba apho endlwini, waza ke waphinda wabuya wazolula apho phezu kwenkwenkwana. Ke inkwenkwe leyo yathimla kasixhenxe, yaza ke yawavula amehlo ayo.

36 UElisha wayalela uGehazi wathi: “Khawubize umShunemikazi lowo!” Wambiza ke, kwathi akuba efikile wathi: “Thatha, nanko unyana wakho!”

37 Wangena ke, wavova, waguqa emhlabeni. Waza ke wasuka wamthatha unyana wakhe lowo, waphuma.

Imbiza enokufa

38 Ke uElisha wabuyela eGiligali. Ngelo thuba kwakukho imbalela kuloo ngingqi. Ke kaloku iqela labashumayeli lalihleli phambi kwakhe, waza wathi kwihlakani lakhe: “Thatha imbiza enkulu, uphekele aba bashumayeli isityu.”

39 Omnye wâbo bashumayeli waphuma, waya emasimini, wafika waqokelela amathangazana. Wawaqokelela wawaqushula ngesondo lengubo yakhe. Akubuya ke wawanqunqela kuloo mbiza yesityu, nakuba kwakungekho mntu uwaziyo into ayiyo.

40 Isityu eso ke saphakwa sanikwa loo madoda, kodwa ke athe xa aqalayo ukutya akhala athi: “Mfo wakwaThixo, ukufa kusembizeni!” Akaba nako ke ukusitya esi sityu.

41 Ke uElisha wathi: “Ndiziseleni umgubo wengqolowa.” Wawuthatha ke, wawugalela apho embizeni, wathi: “Phakelani abantu batye.” Bakutya ke ukutya oko kungenasikhwa.

Ukudliswa kwabantu abalikhulu

42 Ke kaloku kwafika umfo othile, evela eBhali-shalisha, ezisele umfo wakwaThixo izonka ezinerhasi ezimashumi mabini. Zazenziwe ngolibo lwerhasi. Kananjalo wayephethe nezikhwebu zolibo olo. UElisha wathi kuye: “Yipha abantu batye.”

43 Kambe ke saphendula isicaka sathi: “Ndingathini ukubeka intwana engaka phambi kwabantu abalikhulu?”Kodwa ke uElisha wathi: “Yipha abantu batye. Kaloku *uNdikhoyo uthi: ‘Baya kutya bade bakushiye.’ ”

44 Wakuthatha ke wakunika abantu, baza batya bada bakushiya, ngokomlomo kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25