2 Yookumkani 24 XHO96

1 Ngexesha lolawulo lukaJoyakim, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli walihlasela elakwaJuda, waza uJoyakim waba phantsi kwakhe iminyaka emithathu. Phofu ke uJoyakim wabuya wamvukela uNebhukadenezare lowo.

2 Kambe ke *uNdikhoyo wamthumelela ngeentshaba ezamhlaselayo, ingamaKaledi, nama-Aram, namaMowabhi, nama-Amon. Ezo ntshaba zazikho ukuze zimtshabalalise uJuda, ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa zizicaka zakhe *abashumayeli.

3 Ewe, ezi zinto uJuda zamhlela ngokomyalelo kaNdikhoyo, ukuze amgxothe phambi kwakhe ngenxa yezono nazo zonke izenzo ezazenziwe nguManase,

4 ndawonye nelo gazi limsulwa waliphalazayo. Kaloku iJerusalem wayizalisa ngegazi labamsulwa, ngoko ke uNdikhoyo wayengazimiselanga ukumxolela.

5 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, kunye nemisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

6 UJoyakim waya kuphumla kooyise. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uJoyakin.

7 Ukumkani waseJiputa akaphindanga aphume elizweni lakhe aye kuhlasela, kuba kaloku ukumkani waseBhabheli wawuthatha wonke umhlaba wakhe ukuqalela kumda waseJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati.

UJoyakin ukumkani wakwaJuda

8 UJoyakin waqala ukulawula eneminyaka elishumi elinesibhozo, waza walawula eJerusalem iinyanga ezintathu. Unina yayinguNehushta intombi kaElinatan waseJerusalem.

9 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise.

10 Ngelo xesha ke iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli zahlasela iJerusalem zayingqinga,

11 waza ke nokumkani uNebhukadenezare weza ngokwakhe apho eJerusalem, ngoko ingqingiweyo ngumkhosi wakhe.

12 Ke ukumkani wakwaJuda uJoyakin kunye nonina, nezicaka zakhe, izikhulu namagosa akhe, bebonke bazinikezela kukumkani waseBhabheli.Ke kaloku kwathi kunyaka wesibhozo elawula ukumkani waseBhabheli wamthimba walibanjwa uJoyakin.

13 Ke kaloku ngokomlomo kaNdikhoyo uNebhukadenezare wabufudusa bonke ubutyebi endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe, wazinqunqa zonke ezo zinto zegolide ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo ngukumkani uSolomon wakwaSirayeli.

14 Xa iyonke iJerusalem wayithimba: onke amaphakathi namadoda omkhosi, iingcibi namagcisa, bebonke yayilishumi lamawaka. Kuphela kwasala abona bantu bangamahlwempu kwaJuda.

15 UNebhukadenezare wathimba uJoyakin waya naye eBhabheli. Kananjalo wafudusela apho eBhabheli unina kakumkani, nabafazi bakakumkani, namagosa akhe, kunye namadoda aphambili elizweni.

16 Waya nawo eBhabheli wonke umkhosi – amawaka asixhenxe amadoda, nditsho amagorha, izinto ezilindele umayenzeke – kunye newaka leengcibi namagcisa.

17 Ke ukumkani waseBhabheli wamisela uMataniya uyisekazi kaJoyakin wangukumkani esikhundleni sikaJoyakin. Igama lakhe elo lona walijika wathi nguZedekiya.

UZedekiya ukumkani wakwaJuda

18 Ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena.

19 KwanjengoJoyakim naye wenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo.

20 Kungenxa yengqumbo kaNdikhoyo ukuba uJuda neJerusalem bahlelwe yile ntlekele, bade ekugqibeleni ke bagxothwa phambi kwakhe.UZedekiya wavukelana nokumkani waseBhabheli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25