2 Yookumkani 11 XHO96

UAtaliya noYowashe

1 UAtaliya unina ka-Ahaziya wathi akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yakomkhulu.

2 Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, engudade boAhaziya wasuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala, emzimelisa kuAtaliya. Ngaloo ndlela ke wasinda ekufeni.

3 Wahlala ezinyeliswe naloo neni ke apho endlwini *kaNdikhoyo kwada kwayiminyaka emithandathu, xesha elo wayesalawula uAtaliya.

4 Ngonyaka wesixhenxe umbingeleli uJoyada wabiza iingqawyi-ngqwayi ezikhokela abalindi basebhotwe nababekomkhulu jikelele, waza wathi maziye endlwini kaThixo, zenze isifungo, zinqophisane ukumxhasa kwinto awayeyicebisa. Wazibonisa uYowashe unyana kakumkani uAhaziya.

5 Waziyala wathi: “Nina maqela mathathu asebenzayo *ngoMhla woPhumlo, iqela lokuqala loba sebhotwe,

6 elesibini libe kwisango iShure, lize elesithathu libe sesangweni elisemva kwabalindi abo babolekisana ngokulinda indlu kaThixo.

7 Ke nina bakumaqela amabini angadli ngokusebenza ngoMhla woPhumlo, niya kugada ukumkani endlwini kaThixo.

8 Ze nime ningqonge ukumkani, indoda nganye ixhobile. Nabani na othe cakatha makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”

9 Iingqwayi-ngqwayi zamabutho lawo ke zenza njengoko zaziyalelwe ngumbingeleli uJoyada. Nganye kuzo yemka neqela layo, abo babesebenza *ngoMhla woPhumlo nabo babephumile emsebenzini, bonke baya kumbingeleli uJoyada.

10 Ke iingqwayi-ngqwayi zamaqela wazinika imikhonto namakhaka lawo awayengawokumkani uDavide egcinwe endlwini kaNdikhoyo.

11 Ngenene ke abalindi bonke bamphahla ukumkani bexhobile, bemi ngaseqongeni lendlu kaThixo, ukusukela kwicala elingasezantsi ukuya kwelingasentla apho endlwini kaThixo.

12 UJoyada waphuma naye unyana kakumkani, waza wamthwesa isithsaba, wamnika umnqophiso obhaliweyo, ebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, baza ke abantu baduma badanduluka bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”

13 Akuva loo ntswahla yayisenziwa ngabalindi ndawonye nabantu, uAtaliya waya ebantwini endlwini kaNdikhoyo.

14 Akukhangela wabona tyhini nanko ukumkani emi ngasentsikeni ngokusesikweni. Amaphakathi nabakhalisi-maxilongo babephahle ukumkani, baye bonke abemi belizwe benemihlali bekhalisa amaxilongo. Ke uAtaliya wasuka wazikrazula izambatho zakhe, wadanduluka wathi: “Uvukelo! Uvukelo!”

15 Umbingeleli uJoyada wayalela iingqwayi-ngqwayi zamabutho omkhosi, wathi: “Mthatheni nimkhuphe phakathi kwamabutho; nabani na omlandelayo nimbulale ngekrele.” Kaloku umbingeleli wayesithi: “Makangabulawelwa endlwini kaNdikhoyo.”

16 Ngoko ke bambamba xa efika kwiSango lamaHashe eyadini yakomkhulu, bambulalela apho.

17 Ke kaloku uJoyada wenza umnqophiso phakathi kukaNdikhoyo nokumkani ndawonye nabantu wokuba baya kuba ngabantu bakaNdikhoyo, waba lingqina nakumnqophiso ophakathi kwabantu nokumkani.

18 Bonke abantu belizwe elo ke baya endlwini yokunqula uBhali, bafika bayidiliza. Amaqonga ndawonye nemifanekiso bayintlekeza yaziingceba, baza bambulala umbingeleli kaBhali uMatan apho phambi kwamaqonga.Umbingeleli uJoyada wamisa abalindi apho endlwini kaNdikhoyo.

19 UJoyada wahamba neengqwayi-ngqwayi zabalindi basebhotwe nabo bakomkhulu, bamxhaka ukumkani ukusuka endlwini kaThixo ukuya komkhulu, belandelwa ngabantu bonke. Bangena ngesango labalindi, waza ukumkani wachopha esihlalweni.

20 Xa bebonke ke abantu babenemihlali bevuya, nesixeko ngokwaso sizolile ngoku abuleweyo ngekrele uAtaliya apho komkhulu.

21 UYowashe waba ngukumkani xa eneminyaka esixhenxe ezelwe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25