2 Yookumkani 6 XHO96

Izembe liyadada

1 Iqumrhu labashumayeli lathetha noElisha lathi: “Le ndawo sihlala kuyo kunye nawe incinci gqitha, ayisilingani.

2 Masiye eJordan, ibe ngulowo nalowo azigawulele isibonda, ukuze sizakhele indawo yokuhlala khona.”Ke uElisha wavuma, wathi: “Yiyani.”

3 Omnye wabashumayeli wathi: “Awungehambi nazo na izicaka zakho, nkosi yam?”UElisha wathi: “Nam ndiyaya.”

4 Waza wahamba nabo. Baya ke eJordan, baza bagawula imithi khona.

5 Omnye wabo uthe esagawula umthi, suka lapoqa izembe lakhe, le ndawo iyintsimbi yatshona emanzini. Wakhala watsho ebhekisa kuElisha: “Awu, ibingelilo nelam, belibolekiwe!”

6 Wabuza wathi umfo wakwaThixo: “Liwe phi?” Akuba ebonisiwe ke uElisha wagawula ukhuni, waza waluphosa kuloo ndawo lalitshone kuyo izembe. Ke izembe elo latsho lavela ladada.

7 Wathetha wathi: “Likhuphe.” Waza ke umnini walo wasolula isandla, walirhola.

Ukumfanyekiswa kwama-Aram

8 Ke kaloku kwakungekho mvano phakathi kokumkani wakwa-Aram nowakwaSirayeli. Wasuka ke wathetha-thethana namaphakathi akhe ukumkani wakwa-Aram, wathi: “Imikhosi yam ndoyimisa endaweni ethile.”

9 Umfo wakwaThixo wathumela isilumkiso kukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Musa ukudlula kwelo cala, kuba ama-Aram ehlela ngakhona.”

10 Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wayijonga loo ndawo yayikhonjwa ngumfo wakwaThixo. Kwaba kaninzi uElisha elumkisa ukumkani, waza ke wahlala eyilumkele loo migibe.

11 Le nto ke yamcaphukisa ukumkani wakwa-Aram, waza wabiza amaphakathi akhe, wathi: “Apha phakathi kwethu ngubani ongakumaSirayeli?”

12 Elinye ke laphendula lathi: “Mhlekazi, akukho mntu ungakumaSirayeli apha kuthi; into ekhoyo kukuba uElisha, umshumayeli wakwaSirayeli, wazi namazwi owathethe egumbini lakho lokulala, aze kananjalo awaxelele ukumkani wakwaSirayeli.”

13 Ukumkani wakwa-Aram ke wathi: “Hambani niye kumjonga apho akhoyo, ukuze ndithumele amadoda aye kumbamba.”Ke ilizwi labuya lisithi: “Nanko eDotan.”

14 Waza ke wathumela amahashe neenqwelo nomkhosi owomeleleyo. Bafika ngobusuku, basingqinga isixeko eso.

15 Sithe ke sakuvuka isicaka somfo wakwaThixo, ekuseni ngentsasa elandelayo, sabona kuthe thinte umkhosi, ingamahashe neenqwelo, isixeko usingqingile. Isicaka sathi kuye: “Yaz'ba siya kuthini na, nkosi yam?”

16 Ke yena umshumayeli wathi: “Hayi, musa ukoyika! Aba bangakuthi baninzi kunabo bangakubo.”

17 UElisha wathandaza wathi: “Ndikhoyo, khawuwavule amehlo akhe, ukuze abone.” UNdikhoyo ke wawavula amehlo esicaka eso, saza sathi sakukhangela sabona intaba inyakazela ngamahashe neenqwelo zomlilo, ziphahle uElisha.

18 Luthe xa luhlayo utshaba olo lusiza ngakuElisha, suka yena wathandaza kuNdikhoyo wathi: “Khawubethe aba bantu ngobumfama.”UNdikhoyo ke wabatsho baziimfama ngokwesicelo sikaElisha.

19 UElisha wathi kubo: “Ayisiso esi sixeko nisifunayo esi, ingeyiyo nendlela eya kuso le! Landelani mna, ndinise kuloo mntu nimfunayo.” Waza ke wabakhokelela eSamariya.

20 Bathe ke bakungena esixekweni, uElisha wathi: “Ndikhoyo, wavule amehlo aba bantu, babone.” Wawavula ke uNdikhoyo amehlo abo, bazibona ke ukuba baphakathi eSamariya.

21 Akubabona ukumkani wakwaSirayeli, wabuza kuElisha wathi: “Ndingabinza na, bawo? Uthini, uthi mandibabulale?”

22 Waphendula wathi uElisha: “Hayi, sukubabulala! Kaloku ukuba ububathimbe ngekrele nesaphetha ngewungababulali. Banike ukutya namanzi, batye basele, bagoduke baye enkosini yabo.”

23 Ngoko ke wabenzela isidlo esikhulu ukumkani, baza ke bathi bakugqiba ukutya nokusela wabandulula, babuyela enkosini yabo. Loo maqela ama-Aram ke atsho ayeka ukuhlasela ummandla wakwaSirayeli.

Ukungqingwa kweSamariya

24 Mzuzwana emva koko uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram wawuhlanganisa umkhosi wakhe uphela, waza waya kungqinga iSamariya.

25 Kwabakho indlala enkulu apho eSamariya. Ixesha lokunqingwa kwaso laba lide ngangokuba intloko yedonki yayithengiswa ngeesiliva ezimashumi asibhozo, ke wona amakhulu amabini eegram zobulongwe behobe bezithengiswa ngeesiliva ezintlanu.

26 Ukumkani wakwaSirayeli wathi egqitha ehamba eludongeni kwabakho umfazi okhalayo esithi: “Nceda, nceda, nkosi yam kumkani!”

27 Ukumkani waphendula wathi: “Xa ungenakuncedwa *nguNdikhoyo, uthi mna mandiluthathe phi uncedo? Esandeni okanye kwisixovulelo sewayini?”

28 Waza wambuza wathi: “Ingxaki yakho yintoni?”Umfazi lowo waphendula wathi: “Lo mfazi uthe mandincame unyana wam simtye, ukuze ngemini elandelayo sitye owakhe unyana.

29 Ngoko ke sampheka unyana wam, samtya. Ngomhla olandelayo ke, ndithe ndakuthi kuye makeze nonyana wakhe simtye, suka wamfihla.”

30 Akuyiva loo mbali ukumkani wasuka wazikrazula izambatho zakhe. Bathi bakumjonga abantu ehamba apho eludongeni, bafumanisa ukuba emzimbeni unxibe ezirhwexayo.

31 Wathi: “UThixo makandohlwaye nokuba kuqatha kangakanani na ukuba ndithe namhlanje ndayiyeka ihleli kuye intloko kaElisha unyana kaShafati!”

32 Ke uElisha wayesendlwini yakhe, ehleli namadoda amakhulu. Ukumkani wathumela isigidimi, kodwa sathi singekafiki uElisha wathetha namadoda amakhulu lawo, wathi: “Kanti aniboni, naso esi sigwinta sithumela umntu ukuba andinqumle intloko! Niyabona ke, ze nithi sakufika eso sigidimi niluvale ucango, niluqinise, singabi nako ukungena. Kaloku izingqi zenkosi yaso nazo emva kwaso.”

33 Esathetha nawo njalo, sagaleleka isigidimi. Ke ukumkani wathi: “Le ntlekele ivela kuNdikhoyo. Ngani ke ukuba ndibe salindela uNdikhoyo?”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25