2 Yookumkani 2 XHO96

Ukunyuselwa ezulwini kukaEliya

1 Ke kaloku ngethuba lokuba *uNdikhoyo anyusele uEliya ezulwini ngesaqhwithi, uEliya noElisha babesendleleni evela eGiligali.

2 UEliya wathetha noElisha wathi: “Hlala apha wena, mna uNdikhoyo undithume eBhetele.”Kodwa yena uElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Bahamba ke baya eBhetele.

3 Ke abashumayeli ababelapho eBhetele beza kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

4 UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJeriko.”UElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Ngoko ke bahamba baya eJeriko.

5 Ke abashumayeli ababelapho eJeriko baya kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

6 UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJordan.”Ke yena wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe!” Ngoko ke bahamba bobabini.

7 Ke kaloku amashumi amahlanu abashumayeli ahamba afika ema mganyana, ejonge ngakuloo ndawo babefike bema kuyo eJordan uEliya noElisha.

8 Ke Eliya wawuthatha umnweba wakhe, wawusonga, waza wawabetha ngawo amanzi. Amanzi ke ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, baza ke bobabini bawela emhlabeni owomileyo.

9 Besakuba bewelile ke, uEliya ubuze kuElisha wathi: “Khawutsho, yintoni ofuna ndikwenzele yona phambi kokuba ndahlukaniswe nawe?”UElisha waphendula wathi: “Mandizuze isabelo esiphindiweyo somoya wakho, sibe lilifa lam.”

10 UEliya wathi: “Ùcele into enzima, kambe ke ukuba undibonile xa ndahlukaniswa nawe, woyifumana; kungenjalo ke akunakuyifumana loo nto.”

11 Bathe ke besahamba kunye njalo, suka kwee gqi inqwelo yomlilo enamahashe omlilo, yabahlukanisa, uEliya wenyuselwa ezulwini ngesaqhwithi.

12 UElisha ke wayibona yonke loo nto, waza wakhala wathi: “Awu, tata wam, tata wam! Nâzo iinqwelo nabamahashe bakwaSirayeli!” UElisha ke akaphindanga ambone uEliya. Wazibamba ke iimpahla zakhe, wazikrazula zaziziqwenge ezibini.

13 Wawuchola ke loo mnweba wawuwe kuEliya, waza waya kuma elunxwemeni lomlambo iJordan.

14 Wawuthatha loo mnweba wawuwe kuEliya, wabetha ngawo amanzi, wathi: “Uphi ngoku uNdikhoyo uThixo kaEliya, yena kanye?” Uthe ke akuwabetha amanzi lawo, suka ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, waza ke wawela.

15 Ke kaloku bakumbona abashumayeli ababengaphesheya ngaseJeriko bathi: “Tyhini, nanko umoya kaEliya uhlala kuElisha.” Bamhlangabeza ke, baza bafika bakhahlela baguqa phambi kwakhe.

16 Bathi kuye: “Uyabona, thina zicaka zakho sinamashumi amahlanu amadoda angabikwa hlaba. Makahambe aye kukhangela inkosi yakho, hleze kuthi kanti uMoya kaNdikhoyo lo uyithathe wayibeka ntabeni ithile, okanye ke ntilini ithile.”UElisha wathi: “Hayi, musani ukuwathuma.”

17 Kambe ke abo bashumayeli baphikelela ukuyithetha le nto, wada ke naye waneentloni ukubalela, wathi: “Wathumeni.” Bawathuma ke loo madoda angamashumi amahlanu, aza ke amfuna iintsuku zada zantathu, kodwa akamfumana.

18 Athe ke akubuya engamfumananga, eza kuElisha owayehlala eJeriko, waza ke yena wathi kuwo: “Bendingatshongo na ukuba sanukuya?”

Imimangaliso kaElisha

19 Ke amadoda eso sixeko athetha noElisha athi: “Mnumzana, uyayibona nawe le dolophu yethu ukuba imi endaweni entle, kodwa ke amanzi ayo mabi, nomhlaba wayo awunamveliso.”

20 Wawaphendula wathi: “Yizani nesitya esitsha, nigalele ityuwa kuso.” Ngenene beza naso ke.

21 Ke kaloku wasithatha, waya naso emthonjeni, wafika waphosa ityuwa leyo kuwo, esithi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiwanyangile la manzi. Soze aphinde abe nakufa, engasoze aphinde ayidodobalise nemveliso yomhlaba.’ ”

22 Nangoku ke loo manzi atsho anempilo unanamhlanje, ngokwelo lizwi lathethwa nguElisha.

23 Ukusuka apho ke uElisha waya eBhetele. Ke kaloku wathi esahamba apho endleleni, kwavela makhwenkwe athile apho esixekweni, aza aphoxisa ngaye esithi: “Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!”

24 Ke yena wajika, wawajonga, waza wawashwabulela egameni likaNdikhoyo. Ke kaloku kwavela iimazi ezimbini zamabhere kuloo mahlathi, zaza zawaqwenga amashumi amane anambini kuloo makhwenkwe.

25 Ukusuka apho ke waya kwintaba iKarmele, waza ke wasuka khona wabuyela eSamariya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25