2 Yookumkani 16 XHO96

UAhazi ukumkani wakwaJuda

1 Ke kaloku kwathi ngonyaka weshumi elinesixhenxe elawula uPeka unyana kaRemaliya kwaSirayeli, uAhazi unyana kaYotam ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwelakwaJuda.

2 UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.

3 Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.

4 Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.

5 Ke uRezin, ukumkani wakwa-Aram, kunye noPeka, unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, basuka bahlasela iJerusalem, bayingqinga nakuba bengayoyisanga.

6 Ngelo thuba ke ukumkani uRezin wakwa-Aram wayibuyisela kwa-Aram iElati, wabagxotha kuyo abantu bakwaJuda. Aza ke angena ema khona amaSiriya unanamhla.

7 UAhazi ke wathumela izigidimi kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, esithi kuye: “Mna ndisisicaka nebamba lakho; ngoko ke nceda uze kundihlangula, naku ndihlaselwa ngukumkani wakwa-Aram ekunye nowakwaSirayeli.”

8 Kananjalo ke uAhazi wayithatha isiliva kunye negolide ezazisendlwini kaNdikhoyo nakoovimba bakomkhulu, wazithumela zasisipho arhuma ngaso kukumkani waseAsiriya.

9 Ukumkani waseAsiriya ke wasamkela eso sicelo, waza ke wahlasela iDamasko. Abemi bakhona wabafudusela eKiri, ke yena uRezin wambulala.

10 Ukumkani uAhazi wahlangabeza ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere eDamasko. EDamasko ke apho wabona iqonga lamadini, waza wathumela kumbingeleli u-Uriya emnika iplani yalo neenkcukacha zokwakha elifana nalo.

11 Umbingeleli u-Uriya ke wakha iqonga lamadini ngokwezo nkcukacha wayezithunyelelwe ngukumkani uAhazi eseDamasko. Iqonga elo waligqiba engekabuyi eDamasko ukumkani uAhazi.

12 Ekubuyeni kwakhe ke, ukumkani walibona iqonga elo, waza wenza amadini kulo.

13 Wenza amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, kunye neminikelo ethululwayo, waza wafefa ngegazi elingumnikelo wakhe wobudlelwane kwalapho eqongeni.

14 Ke lona iqonga lobhedu elalimi phambi koNdikhoyo walisusa phambi kwendlu kaThixo, apho lalikhona phakathi kweqonga elitsha nendlu kaNdikhoyo, walimisa ngasentla kweqonga elitsha.

15 Ukumkani uAhazi wayalela umbingeleli u-Uriya wathi: “Kweli qonga litsha likhulu yenza amadini atshiswayo akusasa, namadini eenkozo asemalanga, amadini kakumkani atshiswayo, ndawonye namadini akhe eenkozo, kunye namadini atshiswayo abantu beli lizwe, ndawonye namadini abo eenkozo kunye nathululwayo. Apho eqongeni ke uze ufefe ngegazi lawo onke amadini atshiswayo. Ke lona iqonga lobhedu ndolisebenzisa xa ndifuna isikhokelo.”

16 Ngenene ke u-Uriya wenza ngokomyalelo kakumkani uAhazi.

17 Ukumkani uAhazi waziqhaqha iinqwelo zobhedu ezazilapho endlwini kaThixo, wazisusa nezitya zokuhlambela ezazikuzo. Walisusa ichibi lobhedu kwezo nkunzi zeenkomo zazilixhasile, walixhasa ngesiseko samatye.

18 Wasisusa isigqubuthelo esasakhelwe *uMhla woPhumlo apho endlwini kaThixo, walisusa nesango elalilungiselelwe ukumkani apho endlwini kaNdikhoyo, izinto ezo awayezenza kuba ezama ukukholisa ukumkani waseAsiriya.

19 Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

20 UAhazi waya kuphumla kunye nooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uHezekiya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25