3 Kambe ke isithunywa *sikaNdikhoyo sathetha noEliya waseTishbhi, sathi: “Hamba uhlangabeze abaya bathunywa bokumkani waseSamariya, uthi kubo: ‘Ngaba kungenxa yokuba engekho na uThixo kwaSirayeli le nto niya kubuzisa kuBhali-zabhube isithixo sase-Ekron?’
4 Naku ke akuthethayo uNdikhoyo: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa!’ ” Waza ke waya uEliya.
5 Bakubuya ke abathunywa abo, wabuza wathi ukumkani: “Ngani ukuba nijike?”
6 Baphendula ke bona bathi: “Sidibene nomfo othile, wathi masibuyele kuwe, kumkani, sikuxelele sithi: ‘UNdikhoyo uthi: Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo kwaSirayeli, le nto uhamba uye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron?’ Ewe, uthi: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”
7 Ukumkani wathi: “Yayingumfo oluhlobo luni na lowo nidibene naye waza wathetha loo mazwi kuni?”
8 Abathunywa bathi: “Ibingumfo onomnweba owenziwe ngesikhumba esinoboya, ebhinqe ngethwathwa esinqeni.”Ukumkani wathi: “NguEliya waseTishbhi lowo.”
9 Ngoko ke wathumela apho kuEliya igosa lomkhosi, likunye namadoda alo angamashumi amahlanu. Elo gosa ke laya kuEliya, ehleli encotsheni yenduli, lafika lathi kuye: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Yihla.’ ”