5 Ngoko ke umlawuli wakomkhulu, nonolali wesixeko, amadoda amakhulu nabagcini, bathumela lo myalezo kuYehu: “Sizizicaka zakho; sizimisele ukwenza ukuthanda kwakho; asizimiselanga kumisa mntu abe ngukumkani. Nawe ke ungenza ngendlela obona ngayo.”
6 Wababhalela eyesibini incwadi uYehu, esithi: “Kaloku xa ningakum, nizimisele ukundithobela, banqumleni iintloko oonyana benkosi yenu, nize nazo, sibonane eYizereli ngomso ngeli xesha.”Amatshawe lawo ke ayengamashumi asixhenxe ekumadoda aziinkokheli zesixeko awayewakhulisa.
7 Ithe ke yakufika loo leta amadoda lawo awathatha onke loo matshawe angamashumi asixhenxe awabulala. Iintloko zawo azifaka ezibhaskitini, azithumela kuYehu eYizereli.
8 Isigidimi eso ke safika samxelela uYehu sathi: “Nazi, bazizisile iintloko zamatshawe.”UYehu wayalela wathi: “Zibekeni zibe ziinqumba ezimbini phaya esangweni lesixeko kude kube ngomso kusasa.”
9 Ngentsasa elandelayo ke uYehu waphuma, wema phambi kwabo bonke abantu, wathi: “Aninatyala; ndim lo oyenzele iyelenqe inkosi yenu, ndayibulala; kambe ke, ngubani lo ubulele aba?
10 Yazini ke kodwa ukuba akukho nalinye ilizwi elathethwa *nguNdikhoyo ngendlu ka-Ahabhi eliya kulambatha. UNdikhoyo ukwenzile konke awakuthethayo ngesicaka sakhe uEliya.”
11 Ke uYehu wabulala wonke umntu apho eYizereli owayesasele engowendlu ka-Ahabhi, kananjalo nezibonda zakhe, izihlobo nababingeleli bakhe, akashiya nempunde le.