2 Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, engudade boAhaziya wasuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala, emzimelisa kuAtaliya. Ngaloo ndlela ke wasinda ekufeni.
3 Wahlala ezinyeliswe naloo neni ke apho endlwini *kaNdikhoyo kwada kwayiminyaka emithandathu, xesha elo wayesalawula uAtaliya.
4 Ngonyaka wesixhenxe umbingeleli uJoyada wabiza iingqawyi-ngqwayi ezikhokela abalindi basebhotwe nababekomkhulu jikelele, waza wathi maziye endlwini kaThixo, zenze isifungo, zinqophisane ukumxhasa kwinto awayeyicebisa. Wazibonisa uYowashe unyana kakumkani uAhaziya.
5 Waziyala wathi: “Nina maqela mathathu asebenzayo *ngoMhla woPhumlo, iqela lokuqala loba sebhotwe,
6 elesibini libe kwisango iShure, lize elesithathu libe sesangweni elisemva kwabalindi abo babolekisana ngokulinda indlu kaThixo.
7 Ke nina bakumaqela amabini angadli ngokusebenza ngoMhla woPhumlo, niya kugada ukumkani endlwini kaThixo.
8 Ze nime ningqonge ukumkani, indoda nganye ixhobile. Nabani na othe cakatha makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”