2 Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem.
3 Ke yena wenza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo, kodwa akafika kwinqanaba likaDavide uyise. Kuko konke walandela ikhondo likayise uYehowashe.
4 Iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili, banikela amadini, besenza neziqhumiso khona.
5 Wathi wakuba umilile umbuso wakhe wawabulala loo maphakathi ayebulele uyise.
6 Kambe ke akababulalanga oonyana bababulali abo, ngokwelizwi elibhaliweyo encwadini yomthetho kaMosis, apho uNdikhoyo athi: “Abazali abayi kubulawa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kubulawa ngenxa yabazali; umntu ngamnye uya kufela esakhe isono.”
7 Nguye owoyisa ishumi lamawaka amaEdom kwiNtili yeTyuwa, wathimba iSela awayibiza ngokuthi yiYoketele, gama elo lisasetyenziswayo unanamhla.
8 UAmaziya ukumkani wakwaJuda wathumela izigidimi kuYehowashe unyana kaYowahazi kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, ecel' umngeni, esithi: “Yiza sihlangane!”