7 Nguye owoyisa ishumi lamawaka amaEdom kwiNtili yeTyuwa, wathimba iSela awayibiza ngokuthi yiYoketele, gama elo lisasetyenziswayo unanamhla.
8 UAmaziya ukumkani wakwaJuda wathumela izigidimi kuYehowashe unyana kaYowahazi kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, ecel' umngeni, esithi: “Yiza sihlangane!”
9 Kambe ke ukumkani uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmaziya ukumkani wakwaJuda, wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon, usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam.’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.
10 Ewe, uwoyisile amaEdom; ngoku unekratshi. Zingce ngoloyiso olo, kodwa uhlale ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?”
11 Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule; ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli uYehowashe wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.
12 UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo.
13 UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. UYehowashe waya eJerusalem, waza waludiliza udonga lwayo ukusukela kwiSango lakwaEfrayim, ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.