9 Kambe ke ukumkani uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmaziya ukumkani wakwaJuda, wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon, usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam.’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.
10 Ewe, uwoyisile amaEdom; ngoku unekratshi. Zingce ngoloyiso olo, kodwa uhlale ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?”
11 Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule; ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli uYehowashe wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.
12 UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo.
13 UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. UYehowashe waya eJerusalem, waza waludiliza udonga lwayo ukusukela kwiSango lakwaEfrayim, ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.
14 Wayithatha yonke igolide nesiliva, nayo yonke impahla awayifumanayo endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe. Wemka nabathinjwa, wabuyela nabo eSamariya.
15 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.