1 Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uJerobhowam engukumkani kwaSirayeli, uAzariya unyana ka-Amaziya waqalisa ukulawula kwaJuda.
2 Ukungena kwakhe ebukhosini wayeneminyaka elishumi elinesithandathu, walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya, intombi yaseJerusalem.
3 UAzariya wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoko wenzayo uyise uAmaziya.
4 Ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo.
5 Ukumkani lowo ke wabandezelwa *ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.
6 Ezinye zeziganeko zolawulo luka-Azariya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.