1 Ke kaloku kwathi ngonyaka weshumi elinesixhenxe elawula uPeka unyana kaRemaliya kwaSirayeli, uAhazi unyana kaYotam ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwelakwaJuda.
2 UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.
3 Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.
4 Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.
5 Ke uRezin, ukumkani wakwa-Aram, kunye noPeka, unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, basuka bahlasela iJerusalem, bayingqinga nakuba bengayoyisanga.
6 Ngelo thuba ke ukumkani uRezin wakwa-Aram wayibuyisela kwa-Aram iElati, wabagxotha kuyo abantu bakwaJuda. Aza ke angena ema khona amaSiriya unanamhla.
7 UAhazi ke wathumela izigidimi kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, esithi kuye: “Mna ndisisicaka nebamba lakho; ngoko ke nceda uze kundihlangula, naku ndihlaselwa ngukumkani wakwa-Aram ekunye nowakwaSirayeli.”